I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Oodade basebenzisa incwadana ethi Phulaphula UThixo Uze Uphile Ngonaphakade eIndonesia

UBOMI BAMAKRISTU NOMSEBENZI WOKUSHUMAYELA–INCWADI YENTLANGANISO FEBRUWARI 2016

Iintshayelelo Onokuzisebenzisa

Amacebiso okuhambisa uVukani! nencwadana ethi Phulaphula UThixo Uze Uphile Ngonaphakade. Sebenzisa imizekelo ukuze wenze eyakho intshumayelo.

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO

UNehemiya Wayeluthanda Unqulo Lokwenyaniso

Yiba nomfanekiso-ngqondweni wemizamo yakhe enyanisekileyo yokuphinda akhe iindonga zaseYerusalem nokuhambisela phambili unqulo lokwenyaniso. (Nehemiya 1-4)

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO

UNehemiya Wayengumveleli Obalaseleyo

Wanceda amaSirayeli ukuba aluvuyele unqulo lokwenyaniso. Yiba nomfanekiso-ngqondweni weziganeko ezenzeka eYerusalem ebudeni bukaTishri 455 B.C.E. (Nehemiya 8:1-18)

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO

Abakhonzi Abanyanisekileyo Baxhasa Amalungiselelo KaThixo

Ngomhla kaNehemiya, abantu bakaYehova ngokuzithandela babeluxhasa ngeendlela ezahlukahlukeneyo unqulo lokwenyaniso. (Nehemiya 9-11)

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Obona Bomi Bumnandi

Ulutsha olukwintlangano kaYehova lunamathuba amaninzi okunandipha ubomi obanelisayo. Sebenzisa imibuzo ukuze uxubushe ividiyo.

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO

Izifundo Eziluncedo Esizifumana KuNehemiya

Yiba nomfanekiso-ngqondweni wenzondelelo kaNehemiya xa ethethelela unqulo lokwenyaniso. (Nehemiya 12-13)

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Bamemele ESikhumbuzweni Bonke Abantu Abakwintsimi Yakho!

Intshumayelo onokuyisebenzisa yesimemo seSikhumbuzo sika-2016. Landela amanyathelo okuhlakulela nawuphi na umdla onokuboniswa.

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO

UEstere Wamela Abantu BakaThixo

Yiba nomfanekiso-ngqondweni wakhe enesibindi ukuze amele abantu bakaYehova. (Estere 1-5)