UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | ZEKARIYA 1–8
‘Bamba Isondo Lendoda EngumYuda’
Amadoda alishumi aphuma kuzo zonke iilwimi aya kubamba isondo lendoda engumYuda, esithi: “Siza kuhamba nani.” Kule mihla yokugqibela, abantu beentlanga zonke bayathontelana ukuza kukhonza uYehova kunye namaKristu athanjisiweyo
Ezinye izimvu zibaxhasa njani abathanjiswa namhlanje?
Ziyazimisela ekushumayeleni
Zinikela ngemali ukuze zixhase umsebenzi wokushumayela