Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela–Incwadi Yentlanganiso  |  Disemba 2016

 INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Fikelela Intliziyo Ngencwadi Ethi, “Zigcineni Kuthando LukaThixo”

Fikelela Intliziyo Ngencwadi Ethi, “Zigcineni Kuthando LukaThixo”

ISIZATHU SOKUBA KUBALULEKILE: Ukuze abantu bakhonze uYehova ngendlela ayifunayo, kufuneka bafunde imigaqo yakhe bayithobele. (Isa 2:3, 4) Incwadi yesibini esiyifunda nabantu esibaqhubela isifundo, ethi “Uthando LukaThixo,” ibanceda baqonde indlela imigaqo yeBhayibhile esebenza ngayo ebomini babo. (Heb 5:14) Kufuneka sizame ukufikelela iintliziyo zabo xa sibafundisa ukuze babe nesizathu sokutshintsha iindlela zabo.—Rom 6:17.

INDLELA YOKUKWENZA:

  • Lungiselela kakuhle, ucinga ngezinto afuna ukuncedwa kuzo umfundi. Mbuze imibuzo eza kumenza aveze into ayicingayo ngaloo mbandela nithetha ngawo.—IMi 20:5; be 259

  • Sebenzisa iibhokisi ezikule ncwadi ukuze uncede umfundi abone ukubaluleka kokusebenzisa imigaqo yeBhayibhile

  • Mncede aqiqe ngezinto ezifuna isazela sakhe, kodwa ungamenzeli isigqibo.—Gal 6:5

  • Yiba nobuchule bokubona xa kufuneka umncede asebenzise imigaqo ethile yeBhayibhile. Mkhuthaze ukuba atshintshe ngenxa yokuba ethanda uYehova.—IMi 27:11; Yoh 14:31