Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela–Incwadi Yentlanganiso  |  Disemba 2016

 INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Imfundo Yobuthixo Iphelisa Ucalucalulo

Imfundo Yobuthixo Iphelisa Ucalucalulo

UYehova akanacalucalulo. (IZe 10:34, 35) Wamkela abantu ‘abaphuma kuzo zonke iintlanga nezizwe nezizwana neelwimi.’ (ISi 7:9) Ngoko, ebandleni lamaKristu akho calucalulo okanye umkhethe. (Yak 2:1-4) Ngenxa yemfundo yobuthixo, sinandipha iparadesi kaThixo enabantu abatshintsha ubuntu babo. (Isa 11:6-9) Sisebenza ngamandla ukuncothula nesuntswana lomkhethe ezintliziyweni zethu, kuba sifuna ukuxelisa uThixo.—Efe 5:1, 2.

BUKELA IVIDIYO ETHI UJOHNY NOGIDEON: BABEZIINTSHABA, NGOKU NGABAZALWANA. EMVA KOKO PHENDULA LE MIBUZO:

  • Kutheni imfundo yobuthixo iyodlula lee imizamo yabantu yokuphelisa ucalucalulo?

  • Yintoni oyithandayo ngendlela abathandana ngayo abazalwana abasehlabathini lonke?

  • Xa amaKristu ehlala emanyene, uzukiswa njani uYehova?