I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

UBOMI BAMAKRISTU NOMSEBENZI WOKUSHUMAYELA–INCWADI YENTLANGANISO DISEMBA 2016

 UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | ISAYA 6–10

UMesiya Wazalisekisa Isiprofeto

UMesiya Wazalisekisa Isiprofeto
BUKA
Umfanekiso
Inkcazelo

Kwiminyaka emininzi ngaphambi kokuba uYesu azalwe, uIsaya waprofeta wathi uMesiya wayeza kushumayela “kummandla weYordan, iGalili yeentlanga.” UYesu wasizalisekisa esi siprofeto xa watyhutyha elaseGalili eshumayela kwaye efundisa iindaba ezilungileyo.—Isa 9:1, 2.

  • Wenza ummangaliso wakhe wokuqala—Yoh 2:1-11 (eKana)

  • Wakhetha abapostile bakhe—Mar 3:13, 14 (kufuphi naseKapernahum)

  • Wenza iNtshumayelo yaseNtabeni—Mat 5:1–7:27 (kufuphi naseKapernahum)

  • Wavusa unyana womhlolokazi okuphela kwakhe—Luk 7:11-17 (eNayin)

  • Emva kokuba evusiwe wabonakala kubafundi bakhe abamalunga ne-500—1Ko 15:6 (eGalili)