Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela–Incwadi Yentlanganiso  |  Aprili 2017

 INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Iingoma ZoBukumkani Ziyakhuthaza

Iingoma ZoBukumkani Ziyakhuthaza

UPawulos noSilas badumisa uThixo bemculela ngoxa babesentolongweni. (IZe 16:25) Kweli xesha lethu, abazalwana bacula iingoma zoBukumkani beseSachsenhausen kwinkampu yoxinaniso yamaNazi, eJamani ngoxa babeselubhacweni eSiberia. Le mizekelo ibonisa indlela amandla omculo awanceda ngayo amaKristu ajongene neemvavanyo.

Kungekudala, ezinye iilwimi ziza kufumana iculo elitsha elithi, “Culela UYehova Ngovuyo.” Xa sele silifumene elethu, sifanele siwabethelele amazwi ezingqondweni zethu ngokuziqhelisela kunqulo lwentsapho ezi ngoma. (Efe 5:19) Umoya oyingcwele uza kusinceda sizikhumbule xa kuvela iimvavanyo. Iingoma zoBukumkani zinokusinceda sijonge phambili kwithemba lethu. Zinokusomeleza xa sijongene neemvavanyo. Naxa sonwabile, amazwi azo akhuthazayo asenza ‘sicule ngovuyo’ ngenxa yokuvuya kwentliziyo. (1Kr 15:16; Nd 33:1-3) Ngoko masizisebenzise kakuhle iingoma zoBukumkani!

BUKELA IVIDIYO ETHI, INGOMA EYOMELEZA ABASEBÉNZI UZE UPHENDULE IMIBUZO ELANDELAYO:

  • Ziziphi iimeko ezenza ukuba uMzalwana uFrost aqambe ingoma?

  • Le ngoma yabomeleza njani abazalwana ababekwinkampu yoxinaniso eseSachsenhausen?

  • Ziziphi iimeko zamihla le ezinokukomeleza kuzo iingoma zoBukumkani?

  • Ziziphi iingoma zoBukumkani ongathanda ukuzazi ngentloko?