Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela–Incwadi Yentlanganiso  |  Aprili 2016

 UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | YOBHI 33-37

Umhlobo Wokwenene Udlulisela Isiluleko Esakhayo

Umhlobo Wokwenene Udlulisela Isiluleko Esakhayo
BUKA
Inkcazelo
Umfanekiso

Xa uElihu wayencokola, isiluleko sakhe sasahluke mpela kwesikaElifazi, uBhiledadi noTsofare, kwincoko nakwindlela awayeqhubana ngayo noYobhi. Wazingqina engumhlobo wokwenene nomluleki owakhayo, ofanelwe kukuxeliswa.

IIMPAWU ZOMLULEKI OWAKHAYO

UELIHU UNGUMZEKELO OMHLE

32:4-7, 11, 12; 33:1

 

  • UNOMONDE

  • UYAPHULAPHULA

  • UNENTLONELO

 
  • UElihu wayebalinda ngomonde bagqibe ukuthetha abantu abadala, ngaphambi kokuba athethe

  • Ngokuphulaphula xa kuthethwa, wayewuqonda kakuhle umcimbi ngaphambi kokuba adlulisele isiluleko

  • Wayembiza ngegama uYobhi ibe wayethetha naye ngokungathi uthetha nomhlobo wakhe

 

33:6, 7, 32

 

  • UTHOBEKILE

  • UYAFIKELELEKA

  • UNOVELWANO

 
  • UElihu wayethobekile, enobubele ibe ezivuma iimpazamo zakhe

  • Wayenovelwano ngentlungu kaYobhi

 

33:24, 25; 35:2, 5

 

  • ULUNGELELENE

  • UNOBUBELE

  • UNEMBONO KATHIXO NGEZINTO

 
  • Ngobubele uElihu wabonisa uYobhi ukuba imbono yakhe yayingalungelelananga

  • UElihu wanceda uYobhi wabona ukuba ubulungisa bakhe babungeyiyo eyona nto ibalulekileyo

  • Isiluleko sikaElihu esakhayo senza uYobhi walungela imiyalelo eyongezelelekileyo awayeza kuyifumana kuYehova