I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

UBOMI BAMAKRISTU NOMSEBENZI WOKUSHUMAYELA–INCWADI YENTLANGANISO APRILI 2016

 INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Izikhumbuzo Zendibano

Izikhumbuzo Zendibano

Njengakwezinye izihlandlo, sifuna ukukhokelwa luthando ngoThixo nommelwane ebudeni bexesha lendibano. (Mat 22:37-39) Uthando luchazwa ngolu hlobo kweyoku-1 yabaseKorinte 13:4-8: “Uthando luzeka kade umsindo yaye lunobubele. . . . aluziphathi ngokungandilisekanga, alufuni ezalo izilangazelelo, alucaphuki. . . . Uthando aluze lutshitshe.” Njengoko ubukele ividiyo ethi, Izikhumbuzo Zendibano, cinga ngeendlela onokubonisa ngazo uthando kwabanye endibanweni.

INDLELA ESINOKUBONISA NGAYO UTHANDO . . .

  • xa sigcinela abanye izitulo.

  • xa umculo sele uza kuqala.

  • kwiindawo esifikela kuzo kwisixeko esinendibano.

  • ngokuba ngamatsha-ntliziyo ukuze sincede.