Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela–Incwadi Yentlanganiso  |  Agasti 2017

 INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Ndingaphinda Ndibe Nguye Nini Uvulindlela Ongumncedani?

Ndingaphinda Ndibe Nguye Nini Uvulindlela Ongumncedani?

Umbono wetempile kaHezekile ubonisa ukuba abantu bakaYehova babeza kuzinikela ngokuzithandela. Singayenza njani imibingelelo yendumiso?​—Heb 13:15, 16.

Enye indlela ebalaseleyo kukuba nguvulindlela ongumncedani. Unyaka wenkonzo ka-2018 uneenyanga eziliqela ezineMigqibelo emihlanu okanye iiCawa ezintlanu. Oku kubanceda kakhulu abo baphangela iveki yonke baze baye entsimini ngeempela veki. Ukongezelela koko, abavakalisi basenokukhetha ukwenza iiyure eziyi-30 okanye eziyi-50 ngoMatshi nangoAprili naxa iyinyanga yokutyelela komveleli wesiphaluka.

Kuthekani ukuba iimeko zethu zibangela ukuba singakwazi ukuba ngoovulindlela abangabancedani? Sinokuzimisela ukuphucula indlela esishumayela ngayo mhlawumbi songeze nexesha esilichitha entsimini. Enoba iimeko zethu zinjani, kwanga ukuthanda kwethu uYehova kungasibangela senze konke esinokukwenza kunyaka wenkonzo ka-2018!​—Hos 14:2.

Ndingakuxelisa njani ukuzimisela kukaSabina Hernández?

BUKELA IVIDIYO ETHI, EKHO UYEHOVA, AKUKHO NTO INOKUNDOYISA, UZE UPHENDULE LE MIBUZO ILANDELAYO:

  • Yintoni ekhuthaza uSabina ukuba enze okungakumbi enkonzweni kaYehova?

  • Ukukhuthaza njani umzekelo kaSabina?

  • Ziziphi iinyanga onokukhonza ngazo njengovulindlela ongumncedani, kunyaka wenkonzo ka-2018?