Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Abavakalisi bahambisa incwadana ethi, Iindaba Ezilungileyo eAzerbaijan

UBOMI BAMAKRISTU NOMSEBENZI WOKUSHUMAYELA–INCWADI YENTLANGANISO Agasti 2017

Iintshayelelo Onokuzisebenzisa

Iintshayelelo onokuzisebenzisa zikaVukani! nezokufundisa inyaniso ngesizathu sokuba uThixo adale abantu. Sebenzisa amacebiso akweli nqaku ukuze uzenzele ezakho iintshumayelo.

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO

UYehova Wazivuza Iintlanga Ezazingamnquli

UYehova wawavuza-amaBhabiloni emva kokuba engqinge iTire iminyaka eyi-13. Ulubonisa njani uxabiso ngomsebenzi esiwenza ngokuthembeka nokuzincama kwethu?

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Hlakulela Iimpawu Ezimkholisayo UThixo​—Ukuthobeka

Kutheni kubalulekile ukuthobeka? Singakubonisa njani? Usinceda njani umthandazo nomzekelo kaYesu ukuze sithobeke?

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO

Umsebenzi Onzima Womlindi

Umlindi wayenomsebenzi wokulumkisa abantu ngengozi ezayo. UYehova wayefundisa ntoni xa wamisela uHezekile njengomlindi wokomfuziselo kumaSirayeli?

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Hlakulela Iimpawu Ezimkholisayo UThixo​—Isibindi

Kutheni kufuneka siyeke ukoyika abantu? Ukucamngca, umthandazo nokukholosa ngoYehova kusinceda njani sibe nesibindi?

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO

UGogi WakwaMagogi Uza Kutshatyalaliswa Kungekudala

IBhayibhile ichaza iziganeko eziza kwenzeka ngaphambi nasemva kokutshatyalaliswa kukaGogi wakwaMagogi.

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Hlakulela Iimpawu Ezimkholisayo UThixo​—Ukholo

NjengoAbraham, sifanele sibonise ukholo kuYehova uThixo kwanaxa kunzima. Singalwakha njani ukholo olomeleleyo nokuthembeka?

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO

Umbono KaHezekile Wetempile Kwakunye Nawe

Umbono kaHezekile wetempile usikhumbuza ngemigaqo kaYehova uThixo ephakamileyo yonqulo olunyulu. Lo mbono unokusikhuthaza njani?

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Ndingaphinda Ndibe Nguye Nini Uvulindlela Ongumncedani?

Enye indlela esebenzayo yokwenza imibingelelo yendumiso kukukhonza njengovulindlela ongumncedani. Ngaba ungenza okungakumbi enkonzweni ngokuba ube nguye?