I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

UBOMI BAMAKRISTU NOMSEBENZI WOKUSHUMAYELA–INCWADI YENTLANGANISO AGASTI 2016

 UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | INDUMISO 87-91

Hlala Kwindawo Efihlakeleyo Yoyena Uphakamileyo

Hlala Kwindawo Efihlakeleyo Yoyena Uphakamileyo

‘Indawo efihlakeleyo’ kaYehova iyabukhusela ubuhlobo bethu noYehova

91:1, 2, 9-14

  • Namhlanje, ukuze sihlale kwindawo efihlakeleyo kaYehova kufuneka sizahlulele size sibhaptizwe

  • Le ndawo ayaziwa ngabantu abangakholosanga ngoYehova

  • Abo bakwindawo efihlakeleyo kaYehova abaphenjelelwa ngabantu okanye yiyo nantoni na enokulwenza buthathaka ukholo lwabo okanye ibenze bangamthandi uThixo

“Umbambisi weentaka” uzama ukusibambisa

91:3

  • Iintaka ziqavile, kunzima ukuzibambisa

  • Ababambisi beentaka baqaphela imikhwa yazo baze benze iqhinga lokuzibambisa

  • USathana, “umbambisi weentaka,” uyabaqaphela abantu bakaYehova aze abeke imigibe ukuze abenze bamlahle uThixo

Imigibe emine ebekwa nguSathana:

  • Ukoyika Abantu

  • Ukuthanda Ubutyebi

  • Ukuzonwabisa Ngendlela Engafanelekanga

  • Iingxabano