Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

UBOMI BAMAKRISTU NOMSEBENZI WOKUSHUMAYELA–INCWADI YENTLANGANISO AGASTI 2016

 INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Ukuphucula Ubuchule Bethu Bokushumayela—Ukunceda Izifundo ZeBhayibhile Zizahlulele Zize Zibhaptizwe

Ukuphucula Ubuchule Bethu Bokushumayela—Ukunceda Izifundo ZeBhayibhile Zizahlulele Zize Zibhaptizwe

ISIZATHU SOKUBA KUBALULEKILE: Ukuze uYehova akholiswe zizifundo zethu, zifanele zahlulele ubomi bazo kuye zize zibhaptizwe. (1Pe 3:21) Emva koko, ubuhlobo bazo noYehova buya kukhuseleka ukuba ziqhubeka zithembekile kuye. (Nd 91:1, 2) AmaKristu azahlulela okanye azinikela kuYehova—kungekhona emntwini, emsebenzini okanye kwintlangano ethile. Ngoko ke, izifundo zifanele zimthande kwaye zimxabise uThixo.Rom 14:7, 8.

INDLELA ONOKWENZA NGAYO:

  • Ebudeni besifundo, cacisa ukuba loo nto niyifundayo ithetha ntoni ngoYehova. Yibethelele kuso into yokuba simele sifunde iBhayibhile yonke imihla kwaye sithandaze kuYehova “ngokungapheziyo.”1Te 5:17; Yak 4:8

  • Khuthaza isifundo sakho ukuba sigqale ukuzahlulela nokubhaptizwa njengezinto ezibalulekileyo esimele sizifikelele. Kwakhona, sincede sifikelele nezinye izinto ezincinane, ezinjengokugqabaza kwiintlanganiso okanye ukushumayela kubamelwane nakubantu esisebenza nabo. Khumbula ukuba uYehova akanyanzeli mntu ukuba amkhonze. Umntu ngamnye ufanele azenzele ngokwakhe isigqibo sokuzahlulela.Dut 30:19, 20

  • Sikhuthaze isifundo sakho ukuba senze iinguqu ukuze sikholise uYehova size sifanelekele ukubhaptizwa. (IMi 27:11) Ngenxa yokuba kusenokuthatha ixesha ukutshintsha ubuntu baso nokuyeka imikhwa eyendeleyo, kusenokufuneka uqhubeke usinceda ukuze silahle ubuntu obudala size sambathe obutsha. (Efe 4:22-24) Sibonise ungcelele lwamanqaku akwiMboniselo oluthi “IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu”

  • Sibalisele amava endlela wena ovuyiswa ngayo kukukhonza uYehova.Isa 48:17, 18