Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

UBOMI BAMAKRISTU NOMSEBENZI WOKUSHUMAYELA–INCWADI YENTLANGANISO AGASTI 2016

 INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Iphulo Elikhethekileyo Lokuhambisa IMboniselo NgoSeptemba

Iphulo Elikhethekileyo Lokuhambisa IMboniselo NgoSeptemba

Ehlabathini jikelele abantu bayakufuna ukuthuthuzelwa. (INt 4:1) Ngenyanga kaSeptemba, siza kwenza umzamo othe kratya wokuhambisa iMboniselo eza kube ithetha ngentuthuzelo. Yihambiseni kakhulu le Mboniselo. Noko ke, ngenxa yokuba sinqwenela ukuthetha ngqo nabantu ngenjongo yokubathuthuzela, asiyi kuyishiya kumakhaya angenabantu.

UZA KUTHINI?

“Sonke sikhe sikufune ukuthuthuzelwa ngamanye amaxesha. Kodwa siza kuthuthuzelwa ngubani? [Funda eyesi-2 kwabaseKorinte 1:3, 4.] Le Mboniselo ichaza indlela uThixo abathuthuzela ngayo abantu.”

Ukuba loo mntu unomdla kwaye uyayamkela, . . .

MBONISE IVIDIYO ETHI KUTHENI UFANELE UFUNDE IBHAYIBHILE?

Emva koko mbuze ukuba angathanda na umqhubele isifundo.

MCHAZELE INTO ENIZA KUTHETHA NGAYO XA UBUYILE

Buza umbuzo oza kuwuphendula xa ubuyile, onjengothi “Kutheni uThixo evuma ukuba abantu baphatheke kabuhlungu?