Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela–Incwadi Yentlanganiso  |  Januwari 2016

 INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Ilungelo Esinalo Lokwakha Nokunyamekela Iindawo Zonqulo Lokwenyaniso

Ilungelo Esinalo Lokwakha Nokunyamekela Iindawo Zonqulo Lokwenyaniso

Ukwakhiwa kwetempile yamaSirayeli kwakungumsebenzi ibe kuziindleko. Sekunjalo, amaSirayeli awuxhasa ngenkuthalo lo msebenzi. (1Kr 29:2-9; 2Kr 6:7, 8) Emva kokuba itempile yayigqityiwe, ukuyinyamekela kwamaSirayeli kwakubonisa enoba ayamthanda uThixo okanye akunjalo kusini na. (2Ku 22:3-6; 2Kr 28:24; 29:3) Namhlanje, amaKristu achitha ixesha elininzi namandla awo esakha, ecoca, enyamekela iiHolo zoBukumkani neeHolo zeNdibano. Noko ke, ukusebenza kunye noYehova ngale ndlela lilungelo elikhulu ibe sikwanikela inkonzo engcwele.—Nd 127:1; ISi 7:15.

SINOKUNCEDISA . . .

  • Ngokucoca emva kwentlanganiso nganye. Ukuba iimeko azisivumeli, singachola izinto ezimdaka ezikufutshane nendawo ebesihleli kuyo.

  • Ngokubakho xa kucocwa naxa kunyanyekelwa iHolo yoBukumkani. Xa abantu bebaninzi umsebenzi uba lula ibe kuba mnandi.—lv 92-93 ¶18.

  • Ngokuxhasa ngemali. Kwanomnikelo ‘weengqekembe ezimbini oxabiso lincinane’ osuka entliziyweni uyakholiswa nguwo uYehova.—Mar 12:41-44.

  • Ngokuba ngamatsha-ntliziyo ekwakhiweni nasekuhlaziyweni kwezakhiwo zokunqulela ukuba iimeko ziyasivumela. Akuyomfuneko ukuba sibe ngamachule okwakha ukuze sincedise.