I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

UBOMI BAMAKRISTU NOMSEBENZI WOKUSHUMAYELA–INCWADI YENTLANGANISO JANUWARI 2016

Januwari 4-10

2 KRONIKE 29–32

Januwari 4-10
  • Ingoma 114 Nomthandazo

  • Amazwi Okuvula (imiz. 3 nangaphantsi)

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO

  • Unqulo Lokwenyaniso Lufuna Kusetyenzwe Nzima”: (imiz. 10)

    • 2Kr 29:10-17—UHezekiya uzimisele ukubuyisela unqulo lokwenyaniso

    • 2Kr 30:5, 6, 10-12—UHezekiya umema bonke abantliziyo zinyanisekileyo ukuba bahlanganisane ukuze banqule

    • 2Kr 32:25, 26—UHezekiya ulungisa ukuba nekratshi kwakhe ngokuthobeka (w05 10/15 25 ¶20)

  • Ukwemba Ubuncwane ObuseBhayibhileni: (imiz. 8)

    • 2Kr 29:11—UHezekiya wawumisela njani umzekelo omhle wokubeka izinto zokuqala kwindawo yazo? (w13 11/15 17 ¶6-7)

    • 2Kr 32:7, 8—Yiyiphi eyona nto sinokuyenza enokusinceda silungiselele iingxaki ezisezayo? (w13 11/15 20 ¶17)

    • Yintoni endiyifundileyo ngoYehova kufundo lweBhayibhile lwale veki?

    • Ziziphi iingongoma kufundo lweBhayibhile lwale veki endinokuzisebenzisa entsimini?

  • Ufundo LweBhayibhile: 2Kr 31:1-10 (imiz. 4 nangaphantsi)

YIKHUTHALELE INTSIMI

  • Lungiselela Iintshumayelo Zale Nyanga: (imiz. 15) Ingxubusho. Dlala ividiyo yokuqala Yentshumayelo yeMboniselo Onokuyisebenzisa uze emva koko uxubushe iingongoma eziphambili. Balaselisa indlela umvakalisi aye wasibeka ngayo isiseko sokubuyela. Yenza okufanayo nangentshumayelo yesibini yeMboniselo nencwadana ethi Iindaba Ezilungileyo. Yiya kwindawo ethi “Indlela Yokuqhuba Isifundo Usebenzisa Incwadana Ethi Iindaba Ezilungileyo.Khuthaza abavakalisi ukuba bazenzele ezabo iintshumayelo.

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

  • Ingoma 127

  • Ilungelo Lethu Lokwakha Nokunyamekela Iindawo Zonqulo Lokwenyaniso”: (imiz. 15) Ingxubusho. Cela abakhe bancedisa xa kwakusakhiwa iHolo YoBukumkani babalise ngovuyo abalufumanayo. Dlan’ indlebe ngokufutshane nomzalwana ovelela ukucocwa nokunyanyekelwa kweHolo YoBukumkani. Mbuze ukuba ibandla lenu linaliphi ilungiselelo.

  • ISifundo SeBhayibhile Sebandla: ia isahl. 6 ¶1-14 (imiz. 30)

  • Impinda Yeentlanganiso Elandelwa Ngamagqabantshintshi Eentlanganiso Zeveki Elandelayo (imiz. 3)

  • Ingoma 142 Nomthandazo

    Isikhumbuzo: Nceda uyidlale le ngoma kube kanye, emva koko ibandla liyicule.