I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

UBOMI BAMAKRISTU NOMSEBENZI WOKUSHUMAYELA–INCWADI YENTLANGANISO JANUWARI 2016

 UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | 2 KRONIKE 33-36

UYehova Uyakuxabisa Ukuguquka Ngokunyanisekileyo

UYehova Uyakuxabisa Ukuguquka Ngokunyanisekileyo
BUKA
Umfanekiso
Inkcazelo

UMANASE

UYehova wamvumela ukuba athinjwe ngama-Asiriya ibe wasiwa eBhabhiloni ebotshelelwe ngamatyathanga

ULAWULO LWAKHE NGAPHAMBI KOKUBA ATHINJWE

  • Wakha izibingelelo zoothixo bobuxoki

  • Wanikela ngoonyana bakhe njengemibingelelo

  • Waphalaza igazi labantu abamsulwa

  • Wakhuthaza uhlanga ukuba lusebenzelane nemimoya

ULAWULO LWAKHE EMVA KOKUBA EKHULULWE

  • Wazithoba kakhulu

  • Wathandaza kuYehova; wenza imibingelelo

  • Wasusa izibingelelo zoothixo bobuxoki

  • Wabongoza uhlanga ukuba lukhonze uYehova

UYOSIYA

EBUDENI BOLAWULO LWAKHE

  • Wamfuna uYehova

  • Wahlambulula uYuda neYerusalem

  • Walungisa indlu kaYehova; wayifumana incwadi yoMthetho