I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

UBOMI BAMAKRISTU NOMSEBENZI WOKUSHUMAYELA–INCWADI YENTLANGANISO JANUWARI 2016

 UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | EZRA 6-10

UYehova Ufuna Simkhonze Ngokuzithandela

UYehova Ufuna Simkhonze Ngokuzithandela

UEzra wenza amalungiselelo okubuyela eYerusalem

7:6, 22; 8:26, 27

  • UEzra ufumana imvume kuKumkani uArtashashta yokuba abuyele eYerusalem ukuze ahambisele phambili unqulo lukaYehova apho

  • Ukumkani wanika uEzra “konke awayekucelile” esenzela indlu kaYehova—igolide, isilivere, ingqolowa, iwayini, ioli netyuwa, xa zizonke zazibiza ngaphezu kwe-R1 000 000 000 ngokwemali yanamhlanje

UEzra wathemba uYehova ukuba uza kubakhusela abakhonzi bakhe

7:13; 8:21-23

  • Kwakuza kuba nzima ukubuyela eYerusalem

  • Kusenokwenzeka ukuba Indlela yayimalunga neekhilomitha eziyi-1 600 kwindawo eyayiyingozi

  • Uhambo lwathatha malunga neenyanga ezine

  • Abo babuyelayo kwakufuneka babe nokholo olomeleleyo, babe nenzondelelo ngonqulo oluyinyaniso nesibindi

UEZRA WAHAMBA . . .

Negolide nesilivere enobunzima obungaphezu kweetalente eziyi-750 okanye malunga nobunzima beenkunzi zendlovu ezikhule zagqiba ezintathu zaseAfrika

IINGXAKI ABADIBANA NAZO ENDLELENI EBUYAYO . . .

Izihange, iindlela zasentlango nezilwanyana zasendle eziyingozi