I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Okuthethwa Ngoontanga Bakho

Funda ividiyo yolutsha olusehlabathini jikelele oluthetha ngeengxaki olujamelene nazo ebomini nendlela olumelana ngayo nazo.

 

Ukukholelwa KuThixo

Kule vidiyo yemizuzu emithathu, ulutsha olukwishumi elivisayo luchaza into elwenza luqiniseke ukuba ukho uMdali.

Obona Bomi Bumnandi

Ngaba ufuna ukuphila ubomi obanelisayo? Phulaphula njengoko uCameron esibalisela indlela awalufumana ngayo ulwaneliseko kwindawo ebengakhange ayilindele.

Imali

Fumana amacebiso endlela yokugcina imali, ngendlela yokuyisebenzisa nokuba imali ibe kwindawo yayo.

Ukuba Sempilweni

Ngaba ukufumanisa kunzima ukutya ngokusempilweni nokujima? Kule vidiyo, ulutsha lubaliselana ngezinto oluzenzayo ukuze luhlale lusempilweni.

Inkangeleko

Kutheni kunzima ngolutsha ukuba lube nembono efanelekileyo ngendlela olukhangeleka ngayo? Yintoni enokunceda?

Ukuzibekela Amangomso Izinto

Funda ukuba olunye ulutsha luthi ziziphi iingxaki ezibangelwa kukuzilazila, kunye neengenelo zokulisebenzisa kakuhle ixesha.

Iiselfowuni

Ulutsha oluninzi luyithand’ ukufa iselfowuni. Ziziphi izinto eluncedo neziyingozi ngayo?

Izimbo Ezibonisa Ukuba Umntu Ufuna Ukulala Nawe

Funda ngoko bakuthethayo abantu abahlanu abasebatsha ngezi zimbo, nento omele uyenze ukuba ulixhoba lazo.