I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

ULUTSHA LUYABUZA

Ndenze Ntoni Ukuba Ndaphule Umthetho Wabazai Bam?

Ndenze Ntoni Ukuba Ndaphule Umthetho Wabazai Bam?

Nanga amacebiso okulungisa umonakalo owenzekileyo.

Thetha inyani. Ukuba awuyithethi inyani, uza kwenza abazali bakho bathandabuze le ntwana iseleyo yentembeko abanayo kuwe. Ngoko thetha inyani, uthethe yonk’ into.—IMizekeliso 28:13.

  • Kuphephe ukuzithethelela okanye ukwenza ngathi izinto azinamsebenzi.

  • Khumbula ukuba “impendulo, xa inobulali, isusa umsindo.”—IMizekeliso 15:1.

Cela uxolo. Ukuzisola ngenxa yexhala nempoxeko okanye umsebenzi omninzi owubangeleyo kunokwenza isohlwayo sakho sehliswe. Kodwa ke, uxolo lwakho lumele lube lelokwenyani.

Yamkele imiphumo. Ukuyamkela imiphumo yezenzo zakho kubonisa ukuba ukhulile. Eyona nto iza kukunceda kukusebenza nzima ukuze uphinde uthenjwe ngabazali.—IMizekeliso 20:11.

Khumbula ukuba abazali bakho banelungelo lokukubekela imithetho. Yiloo nto iBhayibhile ithetha ‘ngomyalelo kayihlo’ kunye ‘nomthetho kanyoko.’—IMizekeliso 6:20.

Ukuba ufuna abazali bakho bakunike inkululeko engakumbi

  • Babonise ukuba uyakwazi ukubathobela.

  • Mabakwazi abazali bakho ungumntu othobelayo—ngawo onke amaxesha.