I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Ndingawugqiba Njani Wonke Umsebenzi Wesikolo?

Ndingawugqiba Njani Wonke Umsebenzi Wesikolo?

Into onokuyenza

Yiba nendawo ofunda kuyo. Mayibe yindawo engenaziphazamiso. Ukuba idesika ikho, sebenzisa yona. Cima iTV.

Ixesha lifana nehashe elidlamkileyo—umele ulisebenzise ngendlela ofuna ngayo

Izinto zokuqala mazize kuqala. Ekubeni isikolo sibalulekile, zimisele ukuba uza kwenza umsebenzi wesikolo kuqala xa usekhaya.

Musa ukuwubekela amangomso. Zibekele ixesha lokwenza umsebenzi wesikolo, zimisele ukuba kungabikho enye into oyenzayo ngelo xesha.

Yiba necebo. Bona ukuba nguwuphi umsebenzi wesikolo oza kuqala ngawo, kulandele owuphi, njalo njalo. Yibhale ephepheni le misebenzi, uze ubhale ixesha oza kuwenza ngalo umsebenzi ngamnye. Krwela umsebenzi owugqibileyo.

Phumla. Ukuba ingqondo iqalisa ukubhadula, khawukhe uphumle, kodwa uphinde uqalise ngokukhawuleza.

Zithembe. Khumbula, umahluko phakathi komfundi okhutheleyo nolivila unent’ okwenza nokusebenza nzima kunokuba krelekrele. (IMizekeliso 10:4) Unokupasa esikolweni. Sebenza nzima, uya kufumana imiphumo encumisayo.