I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

ULUTSHA LUYABUZA

Ndingathetha Njani Nabazali Bam Ngemithetho Abandibekela Yona?

Ndingathetha Njani Nabazali Bam Ngemithetho Abandibekela Yona?

Oko ukudingayo: Indlela yokuzibeka izinto

Ukukwazi ukuthetha nokuphulaphula kakuhle kungakunceda

  • Uncede abanye bakuqonde.

  • Wazi ukuba kutheni abanye bengayamkeli into oyifunayo.

Ukuba ufuna ukuphathwa njengomntu omdala, kuza kufuneka wakhe ubuchule bokukwazi ukuthetha nokuphulaphula. Ungakwenza njani oko?

Funda ukuzilawula iimvakalelo zakho. Ubuchule bokukwazi ukuthetha bufuna umntu okwaziyo ukuzibamba. IBhayibhile ithi: “Isiyatha sikhupha wonke umoya waso, kodwa isilumko siwugcina uzolile kude kuse ekupheleni.”—IMizekeliso 29:11.

Ingongoma? Kuphephe ukuqhankqalaza, ukuqumba, ukumbakaza amacango kunye nokungqish’ endlini ube usenza ingxolo enkulu. Ukwenza izinto ngolo hlobo kuya kubangela ubekelwe imithetho engakumbi—uvinjwe inkululeko.

Zama ukujonga izinto ngendlela abazali abazijonga ngayo. Umzekelo: Masithi abazali bakho abakuvumeli uye kwimbutho ethile. Endaweni yokuxoxisana nabo, unokubabuza:

“Niza kuvuma xa ndisiya nomhlobo omdala nenimthembileyo?”

Abazali bakho basenokwala nalapho. Kodwa ukuba uyayiqonda inkxalabo abanayo, usethubeni elihle lokuza nesicombululo esibhetele.

Ukuthobela imithetho yabazali bakho kufana nokubhatala ityala lebhanki—okukhona uzingqina uthembekile kokukhona iya kukuthemba

Benze abazali bakho bakuthembe. Cinga ngomntu otyala ibhanki imali. Ukuba ubhatala rhoqo, ibhanki iza kumthemba ize imvumele aboleke imali nakwixesha elizayo.

Kuyafana ke nasekhaya. Into oyityala abazali bakho kukuthobela. Ngoko ke, ukuba uyaqhubeka ubaphoxa, ungothuki xa bekubekela imithetho engakumbi okanye xa beyeka ukukuthemba

Kwelinye icala, ukuba uzingqina uthembekile—nakwezona zinto zibonakala zingenamsebenzi—abazali bakho baya kukuthemba ngakumbi.

 

Funda Okungakumbi

Imibuzo Yabantu Abaselula, Umqulu 1

Utywala neziyobisi, ukuziphatha kakubi ngokwesini, ukuthandana nokuthembisana ngaphambi komtshato zezinye zezinto ethetha ngazo le ncwadi.