Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

ULUTSHA LUYABUZA

Ngaba Lo Mntu Undifanele?

Ngaba Lo Mntu Undifanele?

Ngaba sele umfumene umntu ongatshata naye? Ukuba kunjalo, wazi njani ukuba ukufanele?

Kufuneka ujonge izinto eziliqela. Ngapha koko, awunakuyithemba ncam eyona ntombi yakha yantle, kanti nala mfana udumileyo mhlawumbi akaziphathi kakuhle. Kufuneka ufune umntu oza konwaba naye, onobuntu kunye nosukelo oluza kudibana nolwakho.—Genesis 2:18; Mateyu 19:4-6.

Ukujonga Zonke Iinkalo

Mjonge kakuhle lo mntu. Ulumke ke kodwa! Usenokubona kuphela oko ufuna ukukubona. Ngoko sukungxaka.

Abantu abaninzi abathandanayo abazijongi zonke iinkalo. Kunoko, bakhawuleza bakhombe kwizinto abafana ngazo: “Sithanda umculo omnye.” “Sithanda izinto ezifanayo.” “Sivumelana ngayo yonk’ into!” Sekunjalo kufuneka uvelele zonke iinkalo. Kufuneka umazi kakuhle ‘umntu ofihlakeleyo wentliziyo.’ (1 Petros 3:4; Efese 3:16) Kunokuba ujonge indlela enivana ngayo, kunokukunceda kakhulu ukwazi ukuba kwenzeka ntoni xa ningavani ngento ethile.

Ngokomzekelo khawujonge ezi zinto:

  • Wenza ntoni lo mntu xa ningavani, ngaba ufuna izinto zenziwe ngendlela yakhe okanye ngaba mhlawumbi ‘ugqajukelwa ngumsindo’ okanye uthetha rhabaxa? (Galati 5:19, 20; Kolose 3:8) Okanye ngaba uyakwazi ukugoba uphondo ukuze nje kubekho uxolo?—Yakobi 3:17.

  • Ngaba lo mntu unamaqhinga okanye unomona? Ngaba unyanzelisa ukwazi yonke into ngawe? UNicole uthi: “Abant’ abaninzi abathandanayo baxabana ngento yokuba omnye engafowuni, engachazi nalapho akhoyo. Ndicinga ukuba yingxak’ enkulu leyo.”—1 Korinte 13:4.

  • Ujongwa njani ngabanye? Ingakunceda kakhulu into yokumbuza kubantu abamaziyo, njengabo baqolileyo ebandleni akulo. Ngaloo ndlela uza kwazi ukuba ‘kunikelwa ingxelo entle’ ngaye okanye akunjalo.—IZenzo 16:1, 2.

 

Funda Okungakumbi

UVUKANI!

Yintoni Endimele Ndiyilindele Emtshatweni?—Inxalenye 1

Ziziphi iingenelo kunye neengxaki onokuzilindela emtshatweni?

UVUKANI!

Yintoni Endimele Ndiyilindele Emtshatweni?—Inxalenye 2

Funda ngendlela onokuzilungiselela ngayo iingxaki engakhange uzicinge emtshatweni.