Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

ULUTSHA LUYABUZA

Ndingenza Njani Ukuze Ndilale Ngokwaneleyo?

Ndingenza Njani Ukuze Ndilale Ngokwaneleyo?

IBhayibhile ithi: “Kulunge ngakumbi ukuzalisa isandla ngokuphumla kunokuzalisa izandla zozibini ngomsebenzi onzima ngokusukelana nomoya.” (INtshumayeli 4:6).” Ukungalali ngokwaneleyo kkukwenza ungakwazi ukucinga nokusebenza kakuhle!

  • “Ukuba andilalanga ngokwaneleyo, ndiyatyhafa, ndingakwazi nokucinga kakuhle!”—URachel ona-19.

  • “Malunga no-2:00 p.m., ndiye ndidinwe kakhulu kangangokuba ndide ndinqwale ndisancokola nomntu!”—UKristine, ona-19.

Ngaba ufuna ukulala ngokwaneleleyo? Nazi ezinye zezinto ezithethwa ngoontanga bakho.

Kuphephe ukulala ezinzulwini zobusuku. UCatherine ona-18 uthi: “Kutshanje ndiye ndazama ukulala ngethuba.

Yeka ukuncokola ngeesms. URichard ona-21 uthi: “Ngamanye amaxesha abahlobo bam baye bandifowunele okanye bandithumelele iisms ebusuku, kodwa ngoku ndiye ndiyiqhawule incoko ukuze ndilale.

Walawule amaxesha olala novuka ngalo. UJennifer ona-20 uthi: “Kutshanje ndizama ukulala ngexesha elifanayo zonke iintsuku, kukwanjalo nangelokuvuka.

Ukuze Uphumelele: Zama ukulala iiyure zibe sibhozo ngosuku.

Ininzi into onokuyizuza ngokuzipha ixesha elaneleyo lokulala. Khumbula, ukuba sempilweni kuza kukunceda uzive ukhaphukhaphu, ucinge kakuhle uze uzenze kakuhle izinto.

Ngokungafaniyo nezinye izinto, unako ukuwulawula umzimba wakho. UErin ona-19 uthi: “Ekuqgibeleni, impilo yakho ixhomekeke kumntu omnyekuwe.