I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Ndinokuzixhathisa Njani Izilingo?

Ndinokuzixhathisa Njani Izilingo?

Into onokuyenza

Okokuqala, yazi ukuba uya kuphendula ngezinto ozenzayo—nokuba iitshomi zakho zenza ntoni na.

Okwesibini, sazi esona silingo kunzima ukusoyisa.

Kwakhona, zibuze, ‘Sidla ngokwenzeka nini?’ (Xa ndisesikolweni? Xa ndisemsebenzini? Okanye ngelinye ixesha?) Ukwazi ukuba senzeka nini kusenokukunceda usiphephe.

Ngoku, kukho into oza kuyenza. Okokuqala khangela indlela onokusilwa okanye onokusiphepha ngayo isilingo. (Ngokomzekelo: Ukuba xa kuphuma isikolo usoloko udibana nabantwana ofunda nabo abakucengela ukuba utshaye, mhlawumbi usenokutshintsha indlela ohamba ngayo.) Xa sithetha inyaniso: “Iitshomi” ezifuna wenze izinto ezimbi asizotshomi zokwenene.

Xa uyekelela isilingo, uba likhoboka lezinto ozinqwenelayo

Liyinyaniso lona elokuba akunakukwazi ukuphepha yonke into abantu abakunyanzela ukuba uyenze. Usenokujongana nesilingo esinzima—mhlawumbi ongakhange usilindele. Yintoni onokuyenza?

Kubalulekile ukuba uhlale ulindile!

Khawucinge: UYesu wayeyazi indlela afanele aphile ngayo. Wayezimisele ukuthobela uYise ngalo lonke ixesha. (Yohane 8:28, 29) Ngoko eyona nto ibalulekileyo kukuba uqale uyazi indlela ofuna ukuphila ngayo.

Into onokuyenza. Khawuzame ukucinga ngezizathu ezibini ezibangela ukuba ufune ukuphepha indlela abasoloko bekulinga ngayo ootshomi bakho, uze ucinge ngezinto ezimbini onokuzenza ezinokukunceda ekwenzeni oku.

Kutheni uvuma ukuxelelwa ngabanye into omawuyenze? Yiba nengqondo epheleleyo yokwenza into oyaziyo ukuba ifanelekile. (Kolose 3:5) Thandazela ukuba ungayeki ukwenza oku.—Mateyu 6:13.

 

Funda Okungakumbi

Imibuzo Yabantu Abaselula, Umqulu 2

Isikolo, ukuzonwabisa, abahlobo, abazali, ukutshintsha kobomi, indlela ovakalelwa ngayo kunye nabantu besini esahlukileyo zezinye zezinto ethetha ngazo le ncwadi.

Indlela Yokumelana Nengcinezelo Yoontanga

Ingcinezelo yoontanga inokwenza abantu abalungileyo benze izinto ezimbi. Yintoni omele uyazi ngayo, yaye unokumelana nayo njani?

Ngaba Abanye Bakulingela Ukuba Ulale Naye?

Kuza kundinceda ngantoni ukuvuma? Ngaba uya kuzisola?