Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Yintoni Isihogo? Ngaba Yindawo Yokuthuthunjiswa Ngonaphakade?

Yintoni Isihogo? Ngaba Yindawo Yokuthuthunjiswa Ngonaphakade?

Impendulo esuka eBhayibhileni

Ezinye iinguqulelo zeBhayibhile zisebenzisa igama elithi “isihogo” xa zichaza igama lesiHebhere elithi “Shiyol” kunye nesithetha-ntonye salo sesiGrike esithi “Hadesi.” Omabini la magama abhekisela kwingcwaba eliqhelekileyo. (INdumiso 16:10; IZenzo 2:27) Abantu abaninzi bakholelwa kwisihogo somlilo, njengoko kukho umfanekiso waso kweli nqaku. Kodwa iBhayibhile ifundisa into eyahlukileyo.

  1. Abafi abaphili kwaye abevi zintlungu. “Akukho msebenzi nakuyila nakwazi nakulumka eShiyol.”INtshumayeli 9:10.

  2. Abantu abalungileyo baya esihogweni. Amadoda athembekileyo uYakobi noYobhi babesazi ukuba baya esihogweni.Genesis 37:35; Yobhi 14:13.

  3. Isohlwayo sesono kukufa, kungekhona isihogo somlilo. “Lowo uye wafa ugwetyelwe kwisono sakhe.”Roma 6:7.

  4. Ayibobulungisa bukaThixo ukuthuthumbisa abantu ngonaphakade. (Duteronomi 32:4) Xa umntu wokuqala, uAdam wonayo, isohlwayo sakhe yayikukufa: “Ngokuba uluthuli, uya kubuyela kwaseluthulini.” (Genesis 3:19) Wayeya kuba kanti uyaxoka uThixo xa uAdam wayeza kumthumela kwisihogo somlilo.

  5. UThixo akayicingi nokuyicinga into yokuthuthumbisa abantu ngonaphakade. Imfundiso yokuba uThixo uthuthumbisa abantu kwisihogo somlilo, iyakhabana noko kuthetha yiBhayibhile xa isithi, “uThixo uluthando.”1 Yohane 4:8; Yeremiya 7:31.

 

Funda Okungakumbi

Iindaba Ezilungileyo Ezivela KuThixo!

Liyintoni Ithemba Ngabafi?

Kwenzeka ntoni kuthi xa sisifa? Ngaba siya kuze sibabone kwakhona abantu bethu esibathandayo abaye bafa?