Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Yintoni Endinokuyithandazela?

Yintoni Endinokuyithandazela?

Impendulo yeBhayibhile

Njengoko iBhayibhile ibonisa, ungathandazela nantoni na evisisana noko kufunwa nguThixo. “Kungakhathaliseki ukuba yintoni na esiyicelayo ngokuvumelana nokuthanda [kukaThixo], uyasiva.” (1 Yohane 5:14) Ngaba unokumxelela ngezinto ezikuxhalabisayo? Ewe. IBhayibhile ithi: “Phalazani intliziyo yenu phambi [kukaThixo].”—INdumiso 62:8.

Izinto onokuzithandazela

  • Ukuba nokholo kuThixo.—Luka 17:5.

  • Umoya oyingcwele, okanye amandla kaThixo asebenzayo, ukuze akuncede wenze okulungileyo.—Luka 11:13.

  • Amandla okunyamezela iingxaki nokumelana nesilingo.—Filipi 4:13.

  • Ukuba noxolo lwangaphakathi nokuzola.—Filipi 4:6, 7.

  • Ubulumko ukuze wenze izigqibo ezihle.—Yakobi 1:5.

  • Uncedo lwezinto esizidinga mihla le.—Mateyu 6:11.

  • Ukuxolelwa izono.—Mateyu 6:12.

 

Funda Okungakumbi

IMBONISELO

Sifanele Sithandazele—Ntoni?

Ubawo wethu osemazulwini odla ngokubizwa ngokuba nguMthandazo weNkosi, uYesu wayesifundisa into esimele siyithandazele, kwaye wayekwasifundisa nokuthandazela ezona zinto zibalulekileyo.

IMBONISELO

Ngaba Uza Kumthemba UThixo?

Kuba mnandi kakhulu xa umazi uThixo kwaye umthemba njengomhlobo osenyongweni.