I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Kutheni UYesu Ebizwa Ngokuba NguNyana KaThixo?

Kutheni UYesu Ebizwa Ngokuba NguNyana KaThixo?

Impendulo esuka eBhayibhileni

UThixo akanamfazi owamzalela abantwana. Kodwa unguMdali wazo zonke izinto eziphilayo. (ISityhilelo 4:11) Ngoko ke, umntu wokuqala owadalwa nguThixo, uAdam, ubizwa ngokuba ‘ngunyana kaThixo.’ (Luka 3:38) Ngokufanayo, iBhayibhile ifundisa ukuba uYesu wadalwa nguThixo. Ngoko noYesu kuthiwa ‘nguNyana kaThixo.’—Yohane 1:49.

UThixo wadala uYesu ngaphambi kokuba adale uAdam. Xa wayethetha ngoYesu, umpostile uPawulos wabhala wathi: “Ungumfanekiso kaThixo ongabonakaliyo, izibulo kwindalo yonke.” (Kolose 1:15) Ubomi bukaYesu baqalisa kwakude kudala ngaphambi kokuba azalelwe esitalini eBhetelehem. IBhayibhile ide ithi ‘imvelaphi yakhe isusela kumaxesha angaphambili, ukususela kwimihla yexesha elingenammiselo.’ (Mika 5:2) Njengezibulo likaThixo, uYesu wayesisidalwa esingumoya ezulwini ngaphambi kokuba azalwe engumntu emhlabeni. UYesu wathi: ‘Ndehlile ezulwini.’—Yohane 6:38; 8:23.

Funda Okungakumbi

Kwakutheni Ukuze UThixo Athumele UYesu Emhlabeni?

Funda ngesizathu sokuba uYesu eze emhlabeni nokuba thina singenelwa njani namhlanje.