I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Ngaba UMtyholi Uyakwazi Ukulawula Abantu?

Ngaba UMtyholi Uyakwazi Ukulawula Abantu?

Impendulo esuka eBhayibhileni

UMtyholi kunye needemon bayakwazi ukulawula abantu, kangangokuba iBhayibhile ithi: “Ihlabathi lonke lilawulwa ngongendawo.” (1 Yohane 5:19, INew Century Version) IBhayibhile iyazichaza iindlela uMtyholi azama ngazo ukulawula abantu.

  • Amaqhinga. IBhayibhile ikhuthaza amaKristu ukuba ‘eme eqinile nxamnye namaqhinga kaMtyholi.’ (Efese 6:11) Elinye lamaqhinga akhe kukwenza abantu bakholelwe ukuba iidemon zakhe zikhonza uThixo.2 Korinte 11:13-15.

  • Ukusebenzelana nemimoya. UMtyholi ulahlekisa abantu esebenzisa imimoya, abaxeli-mathamsanqa kunye neendlela ezininzi zokuvumisa. (Duteronomi 18:10-12) Ezinye izinto ezenza umntu abe sisisulu seedemon ziziyobisi kunye nokulaliswa ngomlingo.Luka 11:24-26.

  • Unqulo lobuxoki. Iinkonzo ezifundisa iimfundiso zobuxoki zilahlekisa abantu ukuba bangamthobeli uThixo. (1 Korinte 10:20) IBhayibhile ithi ezi ‘ziimfundiso zeedemon.’1 Timoti 4:1.

  • Ukulawulwa ziidemon. IBhayibhile ineengxelo zabantu abaliqela abalawulwa ziidemon. Ngamanye amaxesha, abantu abaneedemon babesiba ziimfama, izimumu okanye bazenzakalise.Mateyu 12:22; Marko 5:2-5.

Singakuphepha njani ukulawulwa nguMtyholi?

Akuyomfuneko ukuzoyika iidemon, ngoba iBhayibhile isichazela indlela esinokuzichasa ngazo ngokuphumelelayo:

  • Funda amaqhinga kaMtyholi ukuze ‘uwazi amacebo akhe.’2 Korinte 2:11.

  • Funda iBhayibhile uze usebenzise amacebiso ayo. Ukuwasebenzisa kuza kukunceda ukuba ungalawulwa nguMtyholi.Efese 6:11-18.

  • Hlukana nayo nantoni na enento yokwenza needemon. (IZenzo 19:19) Oku kuquka umculo, iincwadi, iimagazini, iipowusta kunye neevidiyo ezinento yokwenza nokusebenzelana nemimoya.

 

Funda Okungakumbi

Izidalwa Zomoya—Indlela Ezisichaphazela Ngayo

IBhayibhile ithetha ngeengelosi needemon. Ngaba ezi zidalwa zomoya zikho? Ngaba zinokubuchaphazela ubomi bethu?