Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Ngaba IBhayibhile Iyathetha Ngokuqhomfa?

Ngaba IBhayibhile Iyathetha Ngokuqhomfa?

Impendulo esuka eBhayibhileni

Ubomi buxabisekile kuThixo, kwanosana oluqala ukwakheka esibelekweni ulujonga njengento ephilayo. Xa wayethetha ngoThixo, uKumkani uDavide wathi: “Amehlo akho andibona ndiseyimbumba.” (INdumiso 139:16) UThixo wathi umntu owenzakalise umntwana ongekazalwa wayemele aphenduliswe. Ngoko, umjonga njengombulali umntu obulala umntwana ongekazalwa.—Eksodus 20:13; 21:22, 23.

Kuthekani ke ukuba ngexesha lokuzalwa kukho imeko enyanzelisa ukuba isibini sikhethe enoba kufe umntwana okanye unina? Kwimeko enjalo, sisibini esimele sigqibe.