I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Ukoyika Ukufa—Unokukoyisa Njani?

Ukoyika Ukufa—Unokukoyisa Njani?

Iimpendulo esuka eBhayibhileni

Siyakoyika ukufa, sifanele ke phofu, kuba lutshaba ibe zikho izinto esizenzayo ukuze sizikhusele. (1 Korinte 15:26) Noko ke, ukoyika ukufa okubangelwa ziimfundiso zobuxoki naziinkolelo kwenza abantu ‘babe bangamakhoboka okoyika ukufa ubomi babo bonke.’ (Hebhere 2:15) Ukwazi inyaniso kuyasikhulula ekoyikeni ukufa, olo loyiko lunokusenza singabonwabeli ubomi.Yohane 8:32.

Inyaniso ngokufa

  • Abafi abazi nto. (INdumiso 146:4) Akuyomfuneko ukoyika ukuqaqanjelwa okanye ukuthuthunjiswa emva kokuba uswelekile, kuba iBhayibhile ifanisa ukufa nokulala.INdumiso 13:3; Yohane 11:11-14.

  • Abafi abanakusenzakalisa. Kwaneentshaba zethu ebezinogonyamelo ziza kube ‘zingenamandla ekufeni.’ (IMizekeliso 21:16) IBhayibhile ithi, “intiyo yabo nekhwele labo sele latshabalala.”INtshumayeli 9:6.

  • Ukufa akusosiphelo sethu. Xa evusa abantu, uThixo uya kubuyisela ebomini abafi .Yohane 5:28, 29; IZenzo 24:15.

  • UThixo uthembisa ukuba kuza ilixa ‘lokungabikho kokufa.’ (ISityhilelo 21:4) Ithetha ngolo suku iBhayibhile ithi: “Amalungisa aya kuwudla ilifa umhlaba, ahlale kuwo ngonaphakade.”INdumiso 37:29.

 

Funda Okungakumbi

Kwenzeka Ntoni Xa Umntu Eswelekile?

IBhayibhile inamabali abantu abasibhozo abavuswa ekufeni. Bathi kunjani engcwabeni?