I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Ngaba Ukhona Umntu Owaziyo Ukuba IBhayibhile Yabhalwa Ngubani?

Ngaba Ukhona Umntu Owaziyo Ukuba IBhayibhile Yabhalwa Ngubani?

Impendulo esuka eBhayibhileni

Abantu abaninzi baxelelwa ukuba asinakude simazi umntu owabhala iBhayibhile. Kodwa iBhayibhile iyabachaza ababhali bayo. Ezinye iincwadi zeBhayibhile ziqala ngokuthi “amazwi kaNehemiya,” “umbono kaIsaya,” nokuthi “ilizwi likaYehova elafika kuYoweli.”—Nehemiya 1:1; Isaya 1:1; Yoweli 1:1.

Ababhali beBhayibhile abaninzi bavuma ukuba babhala izinto abazithunywe nguYehova, uThixo okuphela koyinyaniso. Kwizihlandlo ezingaphezu kwama-300, abaprofeti ababhala iZibhalo zesiHebhere bathi: “Utsho uYehova ukuthi.” (Amosi 1:3; Mika 2:3; Nahum 1:12) Abanye ababhali banikwa imiyalelo kaThixo ziingelosi.—Zekariya 1:7, 9.

IBhayibhile yabhalwa ngamadoda amalunga nama-40 ngeminyaka emalunga ne-1 600. Amanye amadoda asetyenziswa ukubhala iincwadi ezingaphezu kwenye. IBhayibhile sinokude sithi lithala elincinane leencwadi ezingama-66. Ineencwadi ezingama-39 zeZibhalo zesiHebhere, ezibizwa ngabaninzi ngokuba yiTestamente Endala, neencwadi ezingama-27 zeZibhalo zamaKristu zesiGrike, ezidla ngokubizwa ngokuba yiTestamente Entsha.

 

Funda Okungakumbi

Ngaba IBhayibhile Ithetha Inyani?

Ukuba iBhayibhile yabhalwa nguThixo, ifanele yahluke kuzo zonke iincwadi.

Ibali Elichukumisayo Lokusinda KweBhayibhile

Funda ngendlela iBhayibhile eyeyasengozini ngayo nendlela esinda ngayo ebonisa ukuba le yincwadi ekhethekileyo.

Izizathu Zokuyikholelwa IBhayibhile—Ababhali Bayo Banyanisekile

IBhayibhile inikela ubungqina obuninzi bokuba yabhalwa ngamadoda anyanisekileyo.