I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Ukuba Isibini Siyathandana, Ngaba Akukho Ngxaki Xa Sihlalisana?

Ukuba Isibini Siyathandana, Ngaba Akukho Ngxaki Xa Sihlalisana?

Impendulo esuka eBhayibhileni

IBhayibhile itsho ngokungqalileyo ukuba “uThixo uya kubagweba abahenyuzi.” (Hebhere 13:4) Igama lesiGrike elithetha “uhenyuzo,” elithi por·nei′a, liquka ukwabelana ngesondo nomntu ongatshatanga naye. Ngenxa yoku, kuphosakele kuThixo ukuhlalisana kwesibini esingatshatanga—kwanaxa siza kutshata.

Kuthekani xa isibini sithandana? UThixo ufuna sitshate ngaphambi kokuba sabelane ngesondo. NguThixo owasidala saba nothando. Uthando lolona phawu luphambili kuThixo. (1 Yohane 4:8) Ngoko unezizathu zokuba afune ibe ngabantu abatshatileyo kuphela ababelana ngesondo.

Funda Okungakumbi

Thembelani KuThixo Ukuze Nonwabe Emtshatweni

Ukuzibuza imibuzo nje emibini kungawuphucula umtshato wakho.