I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Kutheni Abantu Besifa?

Kutheni Abantu Besifa?

Impendulo esuka eBhayibhileni

Iyazenzekela into yokuba sizibuze unobangela wokufa, ngokukodwa xa siswelekelwe sisalamane okanye umhlobo. IBhayibhile ithi: “Ulwamvila oluvelisa ukufa sisono.”1 Korinte 15:56.

Kutheni bonke abantu besona baze bafe?

Abantu bokuqala uAdam noEva, bafa kuba bamona uThixo. (Genesis 3:17-19) Imiphumo yemvukelo yabo yaba kukufa, ngoba uThixo ‘ngumthombo wobomi.’INdumiso 36:9; Genesis 2:17.

UAdam wosulela yonke inzala yakhe ngesono. IBhayibhile ithi: “Isono sangena ngamntu mnye ehlabathini nokufa ngaso isono.” (Roma 5:12) Bonke abantu bayafa kuba bonke bonile.Roma 3:23.

Indlela ukufa okuza kupheliswa ngayo

UThixo uthembisa ukuba kuza ixesha apho aya “kuginya ukufa ngonaphakade.” (Isaya 25:8) Ukuze aphelise ukufa, uza kuqala asuse ingcambu yako, isono. Uza kukwenza oku esebenzisa uYesu Kristu ‘osusa isono sehlabathi.’Yohane 1:29; 1 Yohane 1:7.

 

Funda Okungakumbi

Baphi Abafileyo?

Funda ngoko kuthethwa yiBhayibhile ngendawo abakuyo abafi nesizathu sokuba bafe.