I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Ngaba Kunyanzelekile Ukuba Ube Nenkonzo?

Ngaba Kunyanzelekile Ukuba Ube Nenkonzo?

Impendulo esuka eBhayibhileni

Ewe, kuba uThixo ufuna abantu bahlanganisane ukuze banqule. IBhayibhile ithi: “Kanjalo masinyamekelane, sivuselelane eluthandweni nasemisebenzini emihle, singakutyesheli ukuhlanganisana kwethu ndawonye.”—Hebhere 10:24, 25.

UYesu wabonisa ukuba abalandeli bakhe babeza kuba yintlangano xa wathi kubo: “Ngako oko bonke baya kwazi ukuba ningabafundi bam—ukuba ninothando phakathi kwenu.” (Yohane 13:35) Ukuze babonise olu thando, abafundi bakaKristu kwakuza kufuneka badibane namanye amakholwa. Xa benqula, babeza kudibana ngokwamabandla. (1 Korinte 16:19) Xa bebonke, babeya kuba yintlangano yabazalwana esehlabathini lonke.—1 Petros 2:17.

Kufuneka okungakumbi kunokuba ngowenkonzo ethile

Nangona iBhayibhile ibonisa ukuba simele sihlanganisane ukuze sinqule uThixo, ayifundisi ukuba umntu angamkholisa uThixo ngokuthi abe lilungu lenkonzo nje kuphela. Ukuze samkeleke kuThixo, inkonzo yomntu imele ichaphazele ubomi bakhe bemihla ngemihla. Ngokomzekelo, iBhayibhile ithi: “Unqulo oluhlambulukileyo nolungadyobhekanga ngokwembono kaThixo noBawo wethu lulo olu: ukuvelela iinkedama nabahlolokazi embandezelweni yabo, nokuzigcina ungenabala kulo ihlabathi.”—Yakobi 1:27.

Funda Okungakumbi

Kutheni AmaNgqina KaYehova Engathi Yicawa Nje Indawo Akhonzela Kuyo?

Funda ukuba livela phi ibinzana elithi “iHolo YoBukumkani yamaNgqina kaYehova” nesizathu sokuba silisebenzisa.

Ngaba Sifanele Sinqule Imifanekiso?

Ngaba uThixo iyamchaphazela into yokuba sisebenzisa imifanekiso okanye izithixo xa simnqula?

Ngaba Ikhona Inkonzo Onokuyithemba?

Ngaba ukhe waphoxeka enkonzweni? Ukuba kunjalo, kunokuba nzima ukuzithemba iinkonzo. Kunokukunceda njani ukufunda iBhayibhile?