Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Yintoni Injongo Yobomi?

Yintoni Injongo Yobomi?

Impendulo esuka eBhayibhileni

Lo mbuzo unokubuzwa ngeendlela ezininzi, ezifana nezithi, Kutheni silapha nje? okanye Ngaba ubomi bethu bunenjongo? IBhayibhile ithi injongo yobomi bethu kukuba ngabahlobo bakaThixo. Khawuve ezi nyaniso zityhilwa yiBhayibhile.

  • UThixo nguMdali wethu. IBhayibhile ithi: “Nguye [uThixo] owasenzayo, asisithi.”INdumiso 100:3; ISityhilelo 4:11.

  • UThixo unenjongo ngayo yonke indalo yakhe, kuquka nathi.Isaya 45:18.

  • UThixo wasenza ‘sanentswelo yokomoya’ kunye nomnqweno wokufumana injongo yobomi. (Mateyu 5:3) Ufuna siwanelise loo mnqweno.INdumiso 145:16.

  • Le ntswelo yokomoya, siyanelisa xa sisakha ubuhlobo noThixo. Nangona abanye besenokuthi ayinakwenzeka into yokuba sibe ngabahlobo bakaThixo, iBhayibhile isinika la mazwi akhuthazayo: “Sondelani kuThixo, naye uya kusondela kuni.”Yakobi 4:8; 2:23.

  • Ukuze sibe ngabahlobo bakaThixo, kufuneka siphile ngokwenjongo awasidalela yona. IBhayibhile iyichaza le njongo kwiNtshumayeli 12:13: “Yoyika uThixo oyinyaniso uze ugcine imiyalelo yakhe. Kuba oku kuyimbopheleleko yomntu.”

  • Kwixesha elizayo, siza kukwazi ukuzalisekisa laa njongo yokuqala kaThixo xa eza kube esuse konke ukubandezeleka, aze aphe bonke abahlobo bakhe ubomi obungunaphakade.INdumiso 37:10, 11.

 

Funda Okungakumbi

ISIFUNDO SEBHAYIBHILE

Kutheni Ufanele Ufunde IBhayibhile?

IBhayibhile inceda abantu abaninzi emhlabeni wonke ukuba bafumane iimpendulo zemibuzo abanayo ngobomi. Ungathanda ukuba ngomnye wabo?

Iindaba Ezilungileyo Ezivela KuThixo!

Yintoni Injongo KaThixo Ngomhlaba?

IBhayibhile ichaza isizathu sokuba uThixo adale umhlaba, ukuba kuya kuphela nini ukubandezeleka, nokuba ikamva liwuphathele ntoni umhlaba nabo baphila kuwo.

Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?

Yiyiphi Inyaniso Ngokuphathelele UThixo?

Ngaba ucinga ukuba uThixo ukukhathalele? Funda ngobuntu bakhe nendlela onokusondela ngaye kuye.