Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Ngamagama Oobani Abhalwe ‘Encwadini Yobomi’?

Ngamagama Oobani Abhalwe ‘Encwadini Yobomi’?

Impendulo esuka eBhayibhileni

‘Incwadi yobomi’ ekwabizwa ngokuba ‘ngumsongo wobomi’ okanye “incwadi yokukhumbuza” inamagama abantu abanethemba lokuphila ngonaphakade. (ISityhilelo 3:5; 20:12; Malaki 3:16) UThixo uwakhetha la magama ngendlela umntu amthobela ngayo.Yohane 3:16; 1 Yohane 5:3.

UThixo uye wagcina mkhonzi ngamnye othembekileyo enkumbulweni yakhe, ngokungathi ubhala amagama abo encwadini, ukususela “ekusekweni kwehlabathi.” (ISityhilelo 17:8) Umntu wokuqala ukubhalwa kwincwadi yobomi yayiyindoda ethembekileyo uAbheli. (Hebhere 11:4) Kule ncwadi akubhalwa njee amagama abantu abangakhathalelwanga, kodwa uYehova ubonisa ukuba “uyabazi abakhe.”2 Timoti 2:19; 1 Yohane 4:8.

Ngaba amagama abhalwe ‘encwadini yobomi’ anokucinywa?

Ewe. UThixo wathi xa wayebhekisa kumaSirayeli angathobeliyo: “Ubani osukuba onile kum, ndiya kucima yena encwadini yam.” (Eksodus 32:33) Kodwa ukuba sihlala sithobela siya kuhlala sibhaliwe ‘kwincwadi yobomi.’ISityhilelo 20:12.

 

Funda Okungakumbi

IMBONISELO

Ngaba Ubomi Bam Bunayo Injongo?

Abantu abaninzi bacinga ukuba imali nodumo zezona zinto ziphambili ebomini, kodwa kukho okungakumbi.