Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Ithini iBhayibhile Ngemvelaphi YeHalloween?

Ithini iBhayibhile Ngemvelaphi YeHalloween?

Impendulo esuka eBhayibhileni

IBhayibhile ayithethi ngeHalloween. Kodwa ke imvelaphi yayo kunye nendlela eyenziwa ngayo kule mihla ibonisa ukuba lo mbhiyozo usekelwe kwiimfundiso zobuxoki njengezabafi, imimoya engabonakaliyo okanye iidemon.—Funda umxholo othi “Imvelaphi nezithethe zeHalloween.”

IBhayibhile ithi: “Maze kungafunyanwa namnye kuni . . . obuzisa kwabafileyo okanye kwimimoya.” (Duteronomi 18:10-12, iThe Jerusalem Bible) Nangona abanye besithi iHalloween yinto engenamsebenzi, iBhayibhile ibonisa ukuba akunjalo. Eyoku-1 kwabaseKorinte 10:20, 21 ithi: “Andifuni nibe nesabelo needemon. Aninakusela indebe yeNkosi nendebe yeedemon.”—INew International Version.

Imvelaphi nezithethe zeHalloween

  1. ISamhain: IThe World Book Encyclopedia ithi: “Imvelaphi yeHalloween inokulandwa kwiminyaka engaphezu kweyi-2 000 eyadlulayo, kwimibhiyozo yabahedeni bamandulo eyayisenziwa ngamaCeltic. Babekholelwa ukuba ngosuku lweSamhain abantu babenokudibana baze baphile nabafi.” Noko ke, iBhayibhile ifundisa ukuba abafi “abazi nto konke konke.” (INtshumayeli 9:5) Yiloo nto bengenako ukudibana nabantu abaphilayo.

  2. Izinxibo zeHalloween kunye neelekese: Ngokutsho kwencwadi ethi Halloween—An American Holiday, An American History, amanye amaCeltic ayenxiba izambatho zeHalloween, besenzela ukuba xa bedibana nemimoya ehambahambayo, icinge ukuba ikwayeminye imimoya. Abanye babeyinika iilekese le mimoya ukuze ixole. KwiYurophu yamandulo, icawa yamaKatolika yasamkela esi sithethe, yaza yacela amarhamente ayo ukuba anxibe izambatho aze aye kucela izipho ezincinane. Yona iBhayibhile iyakwalela ukudityaniswa kweemfundiso zobuxoki kunye nonqulo.2 Korinte 6:17.

  3. Iziporho, oodyakalashe, amagqwirha kunye neezombi: Ezi zizinto ezithi qatha xa ucinga ngemimoya emdaka. (Ngokutsho kweHalloween Trivia) IBhayibhile ithetha phandle ngemimoya engendawo, ukuba asimele siyibhiyozele.Efese 6:12.

  4. Amathanga eHalloween: KwiBritani yamandulo, “abantu ababezithobile befuna nokuxolelw’ izono babehamba imizi ngemizi becela ukutya baze bathandaze kubafi, babephatha ii-turnip ezazingenanto ngaphakathi, zifakwe ikhandlela elithetha umphefumlo ovaleleke kwindawo ehlanjululwa kuyo imiphefumlo.” (Ngokutsho kweHalloween—From Pagan Ritual to Party Night) Abanye bathi la mathanga eHalloween ayesetyenziswa ukuze kubhebhethwe imimoya emdaka. Ngeminyaka yee-1800 kuMntla weMerika, zayekwa ii-turnip kwaza kwasetyenziswa amathanga kuba wona ayakwazi ukuvulwa aze ahonjiswe ngaphakathi. Iinkolelo zeHalloween, ukungafi komphefumlo, ukuhlanjululwa kwemiphefumlo kunye nokuthandaza kubafi, azisekelwanga Bhayibhileni.Hezekile 18:4.

 

Funda Okungakumbi

UVUKANI!

Inyani NgeHalloween

Funda ngemvelaphi emdaka yeHalloween neminye imibhiyozo efana nayo.

Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?

Ngaba Sifanele Sizibhiyozele Iiholide?

Ithini imvelaphi yeeholide ezininzi ezidumileyo kwindawo ohlala kuyo? Ingakothusa impendulo.