I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Ngaba Isithembu Sivumelekile?

Ngaba Isithembu Sivumelekile?

Impendulo esuka eBhayibhileni

Kwakha kwagqitha ixesha uThixo eyivumela indoda ukuba ibe nabafazi abaninzi. (Genesis 4:19; 16:1-4; 29:18-29) Kodwa asingoThixo owaqalisa isithembu. Wamnika umfazi omnye uAdam.

UThixo wayalela uYesu Kristu ukuba abuyise umthetho wokuba nomfazi omnye. (Yohane 8:28) Xa wayebuzwa ngomtshato, uYesu wathi: “Lowo wabadalayo ukususela ekuqaleni wabenza baba yindoda nebhinqa waza wathi, ‘Ngenxa yesi sizathu indoda iya kumshiya uyise nonina ize inamathele emfazini wayo, baze abo babini babe nyama-nye.’”—Mateyu 19:4, 5.

Omnye umfundi kaYesu waphefumlelwa nguThixo ukuba abhale athi: “Ndoda nganye mayibe nowayo umfazi yaye umfazi ngamnye abe neyakhe indoda.” (1 Korinte 7:2) IBhayibhile iphinde ithi indoda etshatileyo esebandleni lamaKristu enikwa amalungelo akhethekileyo imele ibe ‘yindoda enomfazi omnye.’—1 Timoti 3:2, 12.

Funda Okungakumbi

IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu—Indoda Eyayikade Inesithembu Ngoku Ingumyeni Olungileyo

Yintoni eyenza le ndoda yayikade inesithembu yatshintsha imbono yayo ngomtshato?