NgoJanuwari 28, 2018, kukhululwe iNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZesiGrike ngesiPonapea kwisiqithi sasePohnpei, eMicronesia. Kanti ngosuku olungaphambi kolo, eHerlufmagle, eDenmark, kukhululwe iNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele ehlaziyiweyo ngesiDanish, ulwimi lwaseNorway nesiSwedish. INguqulelo Yehlabathi Elitsha iguqulelwe yonke okanye iincwadi ezithile zayo ngeelwimi eziyi-163 kuquka neziyi-12 ezigqityiweyo zenguqulelo ehlaziyiweyo ka-2013.