I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Iifoto Zokuqala ZaseWallkill (Ukususela NgoJulayi 2013 Ukuya Kutsho Ngo-Oktobha 2014)

Iifoto Zokuqala ZaseWallkill (Ukususela NgoJulayi 2013 Ukuya Kutsho Ngo-Oktobha 2014)

AmaNgqina KaYehova andisa yaye alungisa isakhiwo sawo esiseWallkill, eNew York. Ezi foto zibonisa umsebenzi oye wenziwa ukususela ngoJulayi 2013 ukuya kutsho ngo-Oktobha 2014. Kulindeleke ukuba lo msebenzi ugqitywe ngoNovemba 2015.

Ifoto yesakhiwo saseWallkill ukususela ngo-Oktobha 21, 2013.

  1. Indawo yokugcina ukutya kwezilwanyana (iye yasuswa ngoJanuwari 2014)

  2. Isakhiwo sokuhlamba iimpahla

  3. Indawo yokutyela

  4. ISakhiwo E Sokuhlala

  5. ISakhiwo Sendawo Yokuhlamba Iimpahla, Eyokutyela Nekhitshi

  6. Isakhiwo sokushicilela

  7. Umlambo

NgoJulayi 12, 2013—Isakhiwo sokuhlamba iimpahla

Isilenge sinyusa udonga olusele lwakhiwe.

NgoJulayi 19, 2013—ISakhiwo E Sokuhlala

Kulungiswa umgangatho wesakhiwo. Esi sakhiwo sakhiwe ngohlobo lokuba sikwazi ukumelana neenkanyamba.

NgoAgasti 5, 2013—ISakhiwo E Sokuhlala

Kulungiswa udonga.

NgoAgasti 30, 2013—Isakhiwo sokuhlamba iimpahla

Kufakwa iintsimbi kwigumbi loomatshini.

NgoSeptemba 17, 2013—ISakhiwo E Sokuhlala

Kugqityezelwa uphahla.

Ngo-Oktobha 15, 2013—ISakhiwo E Sokuhlala

Abasebenzi bahlola udonga baze bavale imingxuma.

NgoNovemba 15, 2013—Isakhiwo sokuhlamba iimpahla

Umsebenzi owenziwa eluphahleni uquka ukufakelwa kwesixhobo esikhupha umoya.

NgoDisemba 9, 2013—ISakhiwo E Sokuhlala

Kuvalwa iintanda. Lo msebenzi wokulungisa esi sakhiwo, wenziwa ukuze sikwazi ukumelana neenkanyamba kwaye uthathe ixesha elingangonyaka onesiqingatha.

NgoDisemba 11, 2013—Isakhiwo sokuhlamba iimpahla

Umsebénzi ulungiselela ukufakela indawo entsha ekuhamba kuyo amanzi amdaka.

NgoJanuwari 10, 2014—Indawo yokugcina ukutya kwezilwanyana

Lo matshini weenkozo ususwayo, ubusetyenziswa ukususela kwiminyaka yee-1960 ukuya kutsho ngo-2008. Awusasetyenziswa kuba iinkuku, iinkomo zobisi neehagu azisekho eWallkill.

NgoJanuwari 22, 2014—ISakhiwo Sendawo Yokuhlamba Iimpahla, Eyokutyela Nekhitshi

Kususwa izitulo ukuze kulungiswe iholo.

NgoJanuwari 29, 2014—Indawo yokugcina ukutya kwezilwanyana

La matanki ebegcina ukutya kwemfuyo.

NgoMatshi 3, 2014—Isakhiwo sokushicilela

Kulungiswa isakhiwo sesebe lezobugcisa.

NgoJulayi 4, 2014—ISakhiwo Sendawo Yokuhlamba Iimpahla, Eyokutyela Nekhitshi

Kutshiselwa intsika yesi sakhiwo.

NgoSeptemba 19, 2014—Indawo yokutyela (kwiSakhiwo E Sokuhlala)

Kufakwa ikhaphethi kule ndawo ibisetyenziswa njengendawo yokutyela abakhi.

NgoSeptemba 22, 2014—ISakhiwo E Sokuhlala

Kugqityezelwa iindonga kweli gumbi.

NgoSeptemba 24, 2014—ISakhiwo Sendawo Yokuhlamba Iimpahla, Eyokutyela Nekhitshi

Kufakelwa iintsimbi zokuxhasa ilifti.

Ngo-Oktobha 2, 2014—Indawo yokutyela (kwiSakhiwo E Sokuhlala)

Indawo yokutyela iye yandiswa ibe ngoku ihlala abantu abayi-1 980.

Ngo-Oktobha 22, 2014—ISakhiwo Sendawo Yokuhlamba Iimpahla, Eyokutyela Nekhitshi

Kwembiwa umhlaba ukulungiselela ukuxhasa intsika. Oku kwenziwa ukuze esi sakhiwo sikwazi ukumelana neenkanyamba.

Funda Okungakumbi

Siyakumema Uze Kutyelela Izakhiwo ZeBheteli EMerika

Ukhenketho luquka Ikomkhulu Lehlabathi lamaNgqina kaYehova neOfisi Yesebe yaseMerika.