I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Iifoto Zesibini ZaseWarwick (Ukususela NgoSeptemba Ukuya Kutsho NgoDisemba 2014)

Iifoto Zesibini ZaseWarwick (Ukususela NgoSeptemba Ukuya Kutsho NgoDisemba 2014)

Kwezi foto, kuboniswa umsebenzi osele wenziwe kwikomkhulu elitsha lamaNgqina KaYehova phakathi kukaSeptemba noDisemba 2014.

Isakhiwo saseWarwick siphelele. Ukusuka kwisakhiwo esisekoneni phezulu ekhohlo:

  1. IGaraji

  2. INdawo Yokumisa Iimoto Zeendwendwe

  3. INdawo Ekulungiselwa Kuyo/INdawo Yokumisa Iimoto Zabahlali

  4. ISakhiwo B Sokuhlala

  5. ISakhiwo D Sokuhlala

  6. ISakhiwo C Sokuhlala

  7. ISakhiwo A Sokuhlala

  8. IiOfisi/ISakhiwo Sendawo Yokuhlamba Iimpahla, Eyokutyela Nekhitshi

NgoSeptemba 11, 2014—INdawo Yokumisa Iimoto Zeendwendwe

Uphahla lweentsimbi olusele lwenziwe kwangaphambili lwesakhiwo C.

NgoSeptemba 18, 2014—Isiza saseWarwick

Icala elisemazantsi, elijonge kwichibi iSterling Forest Lake (iBlue Lake). Izilenge eziyi-13 zisebenza ngaxeshanye. Kulo mhlaba ungaphambili, kugalelwa udaka lomgangatho wesakhiwo B.

NgoSeptemba 26, 2014—IiOfisi/ISakhiwo Sendawo Yokuhlamba Iimpahla, Eyokutyela Nekhitshi

Iintsika zentsimbi ezilungele ukugxunyekwa. Indlela eziza kugxunyekwa ngayo ezi ntsika kwisakhiwo seeOfisi/ISakhiwo Sendawo Yokuhlamba Iimpahla, Eyokutyela Nekhitshi iza kubangela ukuba sivuleke, futhi sikhawuleze sigqitywe.

Ngo-Oktobha 9, 2014—Isiza saseWarwick

Abasebenzi badibanisa uphahla olupheleleyo lwesakhiwo C. Ngasemva nasekhohlo, kwakhiwa icala lophahla.

Ngo-Oktobha 15, 2014—IiOfisi/ISakhiwo Sendawo Yokuhlamba Iimpahla, Eyokutyela Nekhitshi

Abakhi bagxumeka iintsika kwikona engasekhohlo kumva wesakhiwo. Kweli cala lesakhiwo kuza kubakho ikhitshi, igumbi lokutyela, igumbi lokuhlamba impahla namanye amasebe.

Ngo-Oktobha 15, 2014—Isiza saseWarwick

Kugqithiswa umtshayelo kumsébenzi ofaka imibhobho yamanzi angcolileyo.

Ngo-Oktobha 20, 2014—Isiza saseWarwick

Olu donga lokwexeshana lakhiwe ngenjongo yokubona indlela olunokudityaniswa ngayo, umbala nendlela yokubeka izitena enokusetyenziswa. Lalikwasetyenziswa ngenjongo yokubonisa abakhi abafikayo. Luyadilizwa xa sele kugqityiwe ngalo.

Ngo-Oktobha 31, 2014—ISakhiwo C Sokuhlala

Icala lophahla linyuswa ngesilenge. Xa ukude, izakhiwo zokuhlala zibonakala zintle gqitha emacaleni.

NgoNovemba 7, 2014—INdawo Ekulungiselwa Kuyo/INdawo Yokumisa Iimoto Zabahlali

Kufakwa itanki lamafutha eliziilitha eziyi-95 000. Amafutha akula matanki aza kusetyenziswa koomatshini bokubilisa.

NgoNovemba 12, 2014—ISakhiwo C Sokuhlala

Icala elingasezantsi, yiBlue Lake le ivele pha ngasemva ekunene kwefoto. Ngaphandle udonga luhonjiswe ngemibala engafaniyo.

NgoNovemba 21, 2014—INdawo Ekulungiselwa Kuyo/INdawo Yokumisa Iimoto Zabahlali

Isibini sifaka imibhobho yamanzi silungiselela ukuba kwenziwe umgangatho.

NgoNovemba 28, 2014—IiOfisi/ISakhiwo Sendawo Yokuhlamba Iimpahla, Eyokutyela Nekhitshi

Kususwa ikhephu phezu kwendlu.

NgoDisemba 1, 2014—INdawo Ekulungiselwa Kuyo/INdawo Yokumisa Iimoto Zabahlali

Esiny’ isibini sihlola iplani yokufak’ imibhobho.

NgoDisemba 10, 2014—INdawo Ekulungiselwa Kuyo/INdawo Yokumisa Iimoto Zabahlali

Kuyombiwa, kugalelw’ udaka kusina ikhephu kunjalo. Kwikona ephezulu ekhohlo, iindawo ezithile kwisakhiwo seeOfisi/ISakhiwo Sendawo Yokuhlamba Iimpahla, Eyokutyela Nekhitshi zigqunywe ngeplastiki ukuze imisebenzi engadibaniyo nobumanzi, njengokugalelwa kodaka nemisebenzi eyenziwa ngomlilo, iqhubeke nasebusika.

NgoDisemba 12, 2014—ISakhiwo D Sokuhlala

Abasebenzi batyabeka iintsika ngaphambi kokuba kugxunyekwe udonga.

NgoDisemba 15, 2014—Isiza saseWarwick

Ifoto ethathelwe phezulu. Izindlu zokuhlala zipha phezulu. Isakhiwo esimhlophe embindini wefoto ziiOfisi/ISakhiwo Sendawo Yokuhlamba Iimpahla, Eyokutyela Nekhitshi. Ulwakhiwo aluthathanga mhlaba ungako, nto leyo ebangela ukuba ihlathi eliselumelwaneni lingaphazamiseki.

NgoDisemba 15, 2014—Isiza saseWarwick

Ifoto ethathelwe phezulu kwicala elingasekhohlo, ebonisa isakhiwo C sokuhlala nesakhiwo D ngakumzantsi wefoto. Kwisakhiwo C sokuhlala, kusagqityezelwa uphahla.

NgoDisemba 25, 2014—ISakhiwo C Sokuhlala

Umchweli wondlala amaplanga kwindlu eyenziwe ngenjongo yokubonisa. Zine iindlela ekucetywe ukuba zikhangeleke ngayo izindlu ngaphakathi, ndlu nganye iza kuba nendlela yayo. Ziquka umbala wepeyinti, ikhaphethi, amaplanga aphantsi, iithayile nomphezulu wetafile yasekhitshini.

NgoDisemba 31, 2014—IiOfisi/ISakhiwo Sendawo Yokuhlamba Iimpahla, Eyokutyela Nekhitshi

Udaka lomgangatho lugqityezelwa ngezandla ukuze uthambeke uzokwazi ukuchitha amanzi.

NgoDisemba 31, 2014—ISakhiwo C Sokuhlala

Inkonde eneminyaka eyi-77 elichule kwizinto zombane ifaka intambo yombane. Ekupheleni komsebenzi, kuza kube sekufakwe intambo enje eziikhilomitha eziyi-32.

Funda Okungakumbi

Yintoni IBheteli?

IBheteli yindawo ekhethekileyo ephumeza umsebenzi obalulekileyo. Funda ngakumbi ngabo basebenza apho.