I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Iifoto Zesihlanu ZaseWarwick (Ukususela NgoSeptemba 2015 Ukuya Kutsho NgoFebruwari 2016)

Iifoto Zesihlanu ZaseWarwick (Ukususela NgoSeptemba 2015 Ukuya Kutsho NgoFebruwari 2016)

Kwezi foto, bona indlela ohambele phambili ngayo umsebenzi kwikomkhulu elitsha lamaNgqina kaYehova nendlela abawuxhase ngayo lo msebenzi abo bebencedisa ukususela ngoSeptemba 2015 ukuya kutsho ngoFebruwari 2016.

Isakhiwo saseWarwick siphelele. Ukuqala ekhohlo phezulu:

  1. IGaraji

  2. INdawo Yokumisa Iimoto Zeendwendwe

  3. INdawo Ekulungiselwa Kuyo/INdawo Yokumisa Iimoto Zabahlali

  4. ISakhiwo B Sokuhlala

  5. ISakhiwo D Sokuhlala

  6. ISakhiwo C Sokuhlala

  7. ISakhiwo A Sokuhlala

  8. IiOfisi/ISakhiwo Sendawo Yokuhlamba Iimpahla, Eyokutyela Nekhitshi

Ngo-Oktobha 7, 2015—Isiza saseWarwick

Ikhusi lebhulorho lisiwa apho iza kwakhiwa khona. Ngoxa belisothulwa kwilori belikhuselwe ngamavili. Ibhulorho ikhusela izilwanyana ezikwindawo enamanzi amaninzi.

Ngo-Oktobha 13, 2015—IiOfisi/ISakhiwo Sendawo Yokuhlamba Iimpahla, Eyokutyela Nekhitshi

Uphahla olutyalwe ingca lugqunywe ngotyani oluthi ndijonge olubizwa ngokuba yisedum olutshazayo ebusika. Zilishumi elinesithandathu iintlobo zesedum ezityalwa eluphahleni. Le ngca ityalwe phezu kwendlu iluncedo kwicala lemozulu ngokulawula izikhukula eziwa phezu kwendlu, inceda kongiwe umbane ibe kufuneka kuncothulwe ukhula ukuze ihlale ikwimo entle.

Ngo-Oktobha 13, 2015—ISakhiwo D Sokuhlala

Umchweli usebenza kwikhitshi elikwisakhiwo sokuhlala. Ekupheleni kukaFebruwari 2016 abasebenza kwiSebe lokuchwela bebesele befake iikhabhathi ezininzi.

Ngo-Oktobha 16, 2015—IiOfisi/ISakhiwo Sendawo Yokuhlamba Iimpahla, Eyokutyela Nekhitshi

Abasebenza ngombane bafaka izibane kuphawu lweMboniselo ukuze zikhanyise.

Ngo-Oktobha 21, 2015—IiOfisi/ISakhiwo Sendawo Yokuhlamba Iimpahla, Eyokutyela Nekhitshi

IiOfisi/ISakhiwo Sendawo Yokuhlamba Iimpahla, Eyokutyela Nekhitshi nendawo yokwamkela iindwendwe ziyakhanya ebusuku. Xa iindwendwe zimi phezulu kwesi sakhiwo ziza kubona ubuhle besiza saseWarwick nezinye izinto ezisingqongileyo.

Ngo-Oktobha 22, 2015—Isiza saseWarwick

Abakhi benza indlela yezithuthi zongxamiseko ngokubeka amatye ukuze umgangatho wayo ulingane ngaphambi kokuba kugalelwe isamente. Iingxowa ekugqunywe ngazo ngemva zinciphisa ukukhukhuliseka komhlaba xa kusetyenzwa.

NgoNovemba 9, 2015—IiOfisi/ISakhiwo Sendawo Yokuhlamba Iimpahla, Eyokutyela Nekhitshi

Abasebenzi bafakela iglasi entla kwelifti esepasejini. Iiglasi ezili-11 ezifakwe kwiiOfisi/ISakhiwo Sendawo Yokuhlamba Iimpahla, Eyokutyela Nekhitshi zibangela ukuba kubekho ukukhanya okuvela ngaphandle.

NgoNovemba 16, 2015—INdawo Ekulungiselwa Kuyo/INdawo Yokumisa Iimoto Zabahlali

Esebenzisa umatshini wokudibanisa iintsimbi, umntu osebenzayo usika umbhobho wentsimbi wamanzi abandayo.

NgoNovemba 30, 2015—IiOfisi/ISakhiwo Sendawo Yokuhlamba Iimpahla, Eyokutyela Nekhitshi

Umchweli ufaka into eza kukhusela iglasi yefestile. Emva kokuba ilungiswe kakuhle nodonga lukhuselekile kufakwa ifestile.

NgoDisemba 17, 2015—Isiza saseWarwick

Kufakwa izitena endleleni ngemini enethayo. Kwicala elingasekunene kule foto, kugalelwa amatye ngaphambi kokuba kubekwe izitena ukuze indlela ilingane. Ngaphambili kukho umatshini wokudibanisa izitena, uze uzibeke kakuhle. Ngasekhohlo, kukho uplastiki ogqume phantsi ukuze kungabikho ukukhukuliseka komhlaba.

NgoDisemba 24, 2015—Isiza saseWarwick

Abasebenzi batsala intambo yombane beyisa kwisikhululo sombane, esibangela kubekho umbane kwisakhiwo saseWarwick.

NgoJanuwari 5, 2016—IiOfisi/ISakhiwo Sendawo Yokuhlamba Iimpahla, Eyokutyela Nekhitshi

Umntu osebenzayo ugqibezela ukufaka oko kuza kukhusela iindwendwe emvuleni nakwikhepu entla kwendawo yokuhamba phakathi kweNdawo Yokumisa Iimoto Zeendwendwe neeOfisi/ISakhiwo Sendawo Yokuhlamba Iimpahla, Eyokutyela Nekhitshi.

NgoJanuwari 5, 2016—INdawo Ekulungiselwa Kuyo/INdawo Yokumisa Iimoto Zabahlali

Igcisa litshintsha iisetingi zesixhobo sokubilisa amanzi. Ngoku sele kufakwe zonke ezi zixhobo zine kwisakhiwo saseWarwick.

NgoFebruwari 8, 2016—IiOfisi/ISakhiwo Sendawo Yokuhlamba Iimpahla, Eyokutyela Nekhitshi

Oomakhenikhi bafaka oomatshini bokomisa iimpahla kwiSebe Lokuhlamba Iimpahla. Aba matshini bokomisa bathwala iimpahla eziziikhilogram ezi-6 ukuya kutsho kwezingama-45. Oomatshini bokuhlamba iimpahla baza kufakwa kudonga olungasekhohlo.

NgoFebruwari 8, 2016—Isakhiwo saseTuxedo

UGerrit Lösch, ilungu leQumrhu Elilawulayo, uqhuba isifundo seMboniselo sentsapho yaseBheteli. Abasebenza eWarwick bayibukela kwindawo abahlala kuzo le nkqubo.

NgoFebruwari 19, 2016—ISakhiwo A Sokuhlala

ISebe Elijongene Nokuhombisa Ngaphakathi lisa imethi kwesinye isakhiwo sokuhlala. Kwaodwa iimitha zemethi ezingaphezu kwezingama-65 000 zesakhiwo saseWarwick.

NgoFebruwari 22, 2016—Isiza saseWarwick

Phakathi kukaSeptemba 2015 noFebruwari 2016, kwaphuma iziqinisekiso zeZakhiwo C noD Zokuhlala, ukuze abasebenzi bazokwazi ukuhlala kuzo. Zonke iilifti zesakhiwo zafakwa. Ukwakhiwa kwendlela eya kwiZakhiwo Zokuhlala nokubekwa kwezitena endleleni kwakugqityiwe. Yagqitywa ngokukhawuleza igadi kuba kwakungabandi kakhulu ebusika.

NgoFebruwari 24, 2016—INdawo Ekulungiselwa Kuyo/INdawo Yokumisa Iimoto Zabahlali

Omnye wabasebenza ngesilingi uhamba ngeentsimbi ezinde ukuze alungiselele ukufaka isilingi. ISebe Elijongene Nodonga/Isilingi lisebenza ngamaplanga, lilungiselela ukuba kungabikho ngqele nangxolo ngaphakathi. Eli Sebe lixhoma lize lilungise iibhodi zokwenza udonga ibe lifaka nesamente edongeni. ISebe Elijongene Nodonga/Isilingi lenza udonga lukwazi ukunqanda umlilo ungangeni ngaphakathi kwesi sakhiwo.

Funda Okungakumbi

Bacela Umsebenzi Baza Abafuna Ntlawulo

Ngaphezu kweminyaka eyi-28 edluleyo, amaNgqina kaYehova aye akha izakhiwo kumazwe ayi-120, enikela ngobuchule nexesha lawo ngaphandle kokuhlawulwa. Funda okungakumbi ngale nkqubo yokwakha.