I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Amavolontiya Asebenza Kwisiza EsiseTuxedo

Amavolontiya Asebenza Kwisiza EsiseTuxedo

Ixesha ngu-6:45 kusasa eTuxedo, eNew York. Lizole nasebukhweni bezinja ibe phezu kwedama elisecaleni kwesakhiwo esinemigangatho emine kuthe rhwelele umkhenkce. Kukho abafana neentombi ezinxibe iimpahla zokusebenza abangena kwesi sakhiwo. Bahambe iikhilomitha ezimalunga neziyi-80 besuka kwiihotele, kumakhaya akufutshane nakwezinye iindawo—ePatterson, eWallkill naseBrooklyn.

Ngaphambi kolu suku lwanamhlanje uninzi lwaba bantu lusuka kwiindawo ezikude, kuzo zonke iinxalenye zaseUnited States nakwezinye iindawo. Baye bavolontiya ukusebenza apha—abanye baza kusebenza iveki, abanye iiveki ezintandathu ukanti abanye baza kusebenza ixesha elidana. Bazibhatalele iindleko zokuza ibe abazi kuhlawulwa ngomsebenzi abaza kuwenza. Sekunjalo, bayakuvuyela ukuba lapha.

Namhlanje kukho amavolontiya amalunga ne-120, nangona inani liza kuye lisanda kwiinyanga ezizayo. Angena kwigumbi lokudlela ibe ahlala abe lishumi etafileni. Amaninzi aphunga ikofu. Kutsho ivumba elimnandi lebacon. Nkqo ngentsimbi yesixhenxe iiTV eziseludongeni ziveza ingxubusho yeBhayibhile. Kwimizuzu elishumi elinesihlanu kamva, kuhanjiswa isidlo sakusasa. Ibacon ihamba nesonka, amaqanda nepapa. Ininzi into etyiwayo.

Emva komthandazo wokuvala kuyiwa emsebenzini. Abo benza umsebenzi wokwakha bavakala kwasencokweni ukuba bonwabile. Banxibe oomakarabha, iindondo zokukhusela amehlo, iivesti eziqaqambileyo namabhanti okufaka izixhobo zokusebenza.

Ngalo msebenzi wenziwayo kutshintshwa i-International Paper Company eseTuxedo ibe likomkhulu lamaNgqina kaYehova eliza kuba kufutshane nedolophu yaseWarwick. Amagumbi okuhlala neeofisi zakhiwa kwesi sakhiwo sikhoyo kuquka iindawo zokusebenzela neendawo zokugcina izinto. NgoLwesibini, ngoMatshi 12, 2013, abasemagunyeni bakhupha imvume yeplani yesiza esiseTuxedo.

Amkelwa njani amavolontiya xa efika kwiindawo zokuhlala? UWilliam waseNew Jersey uthi: “Xa sifika sichazelwa iindawo zokulala, siboniswe indawo nendlela yokusebenzisa izitshixo. Wonke nje umntu olapho ukulungele ukunceda. Xa ufika eTuxedo, udibana nomphathi weqela emva kokuba utye isidlo sakusasa ibe uyakuchazela umsebenzi oza kuwenza.”

Kunjani ukukhonza apha? UYajaira nomyeni wakhe basuka ePuerto Rico ibe basebenza ngeplanga. Uthi: “Sivuka ekuseni malunga no-4:30. Sicoca indawo esihlala kuyo, siphunge ikofu size siye kukhwela ibhasi esilandayo. Ekupheleni kosuku sayadinwa kodwa sihlala sonwabile.”

Isiza saseWarwick singqongwe ngamahlathi. UZach nenkosikazi yakhe uBeth abasuka eMinnesota bayancedisa ekulungiseni isiza esiseWarwick. Babuzwa isizathu sokuba beze apho, uBeth uthi: “Sikholelw’ ekubeni ayikho enye into ebhetele ngaphandle kokukhonza uYehova. Sifuna ukusebenzisa ubuchule bethu ekumkhonzeni.”