I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Ukushumayela NgakuMlambo WeXingu

Ukushumayela NgakuMlambo WeXingu

Ekuqaleni kukaJulayi 2013, iqela lamaNgqina kaYehova ayi-28 aseBrazil lashiya iSão Félix do Xingu lathabatha uhambo oluya kwisizwe samaCayapo namaYuruna aseIndiya. Eli qela lakhwela inqanawa eziimitha eziyi-15 ubude, anyuka iikhilomitha eziyi-2 092 kuMlambo weXingu laya kufika kuMlambo weAmazon.

Eli qela lathabatha olu hambo ukuze lishumayele ngoBukumkani bukaThixo ebantwini abahlala kwiilali ezingakulo mlambo. Ngosuku lwesithathu, eli qela lafika kwilali yaseKokraimoro. Lamkelwa ngabantu abanobubele. Elinye ibhinqa lalilikhweba eli qela. Omnye umfo owayelikhaphile wathi: “Eli bhinqa lizama ukuthi: ‘Yizani. Sifuna ukunazi!’ ”

AmaNgqina ashumayela ngesiPhuthukezi ibe kwabanye athetha esebenzisa izimbo zomzimba. Imifanekiso emibala-bala ekwiincwadi zethu ezisekelwe eBhayibhileni iye yabanceda abantu bezi lali, ngokukodwa incwadana ethi, Listen to God.

UGerson, uvulindlela okhethekileyo eSão Félix do Xingu ubalisa ngendlela omnye umninimzi owafumana ngayo incwadi ethi, iNcwadi Yam Yamabali EBhayibhile, uthi: “Wayijonga le ncwadi; ibe kwakunzima ukuyibeka phantsi.”

AmaNgqina kaYehova ahambisa iincwadi, iimagazini neencwadana ezimalunga neziyi-500 kulo mmandla. Abantu belali yaseKawatire baphulaphula ngomdla kwisithembiso seBhayibhile separadesi eza kuba semhlabeni. UTonjaikwa omnye umninimzi onobubele wesizwe samaCayapo aseIndiya wathi, “Abantu baseParadesi baza kuphila njengathi.”

Abant’ abaninzi baseSão Félix do Xingu bebesazi ngolu hambo. USimone omnye obekho kolu hambo uthi yena nabanye oogxa bakhe bebeyithandabuza into yokuba bangavunyelwa bashumayele ezilalini. Kodwa akuzange kubekho ngxaki. USimone uthi: “Samkelwa ngobubele ibe sashumayela kubo bonke.”

Funda Okungakumbi

Bazinikela Ngokuvumayo—EBrazil

Funda amava akhuthazayo abo baye bafudukela kwezinye iindawo ukuze bakhonze uYehova ngokuzinikela.