I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Ukubhengeza I-JW.ORG Kwiphulo Lokubhengeza Iincwadi EToronto

Ukubhengeza I-JW.ORG Kwiphulo Lokubhengeza Iincwadi EToronto

Ukususela nge-13 ukuya kutsho nge-16 kaNovemba, 2014, isixeko saseToronto saququzelela iphulo lokubhengeza iincwadi, eziprintiweyo nezikwi-intanethi. Kwakukho abantu abangaphezu kwe-20 000 kwelo phulo leentsuku ezine.

Abanye ababeze kubhengeza, yayingamaNgqina KaYehova, enezitendi ezinemibala emihle kunye neetablet zokubonisa indlela yokusebenzisa i-jw.org.

Omnye umququzeleli wesi siganeko wathi: “Iwebhsayithi yenu yeyezimini. Ndicinga ukuba nabanye bangafunda kuni.” Abantu abaye bayibuka bathi le webhsayithi yenziwe kakuhle, kulula ukuyisebenzisa futhi iphendula imibuzo ebalulekileyo. Babechukumisekile yindlela le webhsayithi ebancede ngayo abantu bakwazi ukumelana neengxaki zabo.

Njengoko amaNgqina ayencokola nabantu kwizitendi, afumanisa ukuba abantu abaninzi zange bakhe beva nge-jw.org ngaphambi kweli phulo. Phantse bonke ababekho baye bathatha iinkcukacha zamaNgqina okanye iphecana elithi Sinokuzifumana Phi Iimpendulo Zemibuzo Ebalulekileyo Ngobomi? Abaninzi bathe baza kuyijonga le webhsayithi kwakhona, baza abanye bacela ukuba amaNgqina KaYehova abatyelele ezindlini zabo.

NgoLwesihlanu yayilusuku labantwana, ngoko amaNgqina abonisa iividiyo zoopopayi ezifumaneka kwi-jw.org. Abantwana besikolo ababehamba nootitshala babo, babesima baze babukele.

Indoda yaseChicago ephangela kwinkampani eprinta iiBhayibhile yayithanda nyhani indlela esemgangathweni ngayo iNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele. Yafuna ukudibana nabapapashi bayo ibe yanikwa iinkcukacha zabo.

Kwiilwimi eziyi-700 ezikhoyo kwiwebhsayithi yethu, ziyi-16 ezaye zafundwa ngabantu ababekho—sisiAmharic, isiBengali, isiFrentshi, isiGujarati, isiGrike, isiHindi, isiKorea, isiNgesi, isiPhuthukezi, iSpanish, isiSwedish, isiTamil, isiTigrinya, isiTshayina, isiUrdu nesiVietnam.

Eliny’ iNgqina elalikho kweli phulo laphawula ukuba kukho umahluko omkhulu phakathi kokuxelela abantu ngale webhsayithi nokubabonisa. Lathi, “Siye sakuvuyela nyhani ukubonisa abantu le webhsayithi.”

Funda Okungakumbi

Yintoni EkwiWebhsayithi Yethu?

Unokufunda okungakumbi ngathi neenkolelo zethu, ude ufumane neempendulo kwimibuzo yakho eBhayibhileni.

Khetha Olunye Ulwimi

Funda indlela yokutshintsha ulwimi kwiwebhsayithi okanye ukhangele uncwadi ngolunye ulwimi.