Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Ukusa Umyalezo WeBhayibhile Kwiindawo Ezikwanti ZakuMntla

Ukusa Umyalezo WeBhayibhile Kwiindawo Ezikwanti ZakuMntla

Ukususela ngo-2014, iQumrhu Elilawulayo LamaNgqina kaYehova lachaza indlela entsha yokusa umyalezo weBhayibhile kwiindawo ezikwanti zakuMntla, eYurophu nakuMntla Merika. (IZenzo 1:8) Ekuqaleni, le ndlela yayisetyenziswa kwiindawo ezikhethiweyo zaseAlaska (eMerika), eLapland (eFinland), eNunavut nakwiindawo ezikuMntla Ntshona (eKhanada).

Kangangamashumi eminyaka, amaNgqina kaYehova ebesiya kwezi ndawo kunzima ukufika kuzo ukuze ashumayele. Noko ke, ekubeni amaNgqina ebehlala ixesha elincinane kwezi ndawo, ebephelela nje ekusasazeni uncwadi olusekelwe eBhayibhileni.

Zisebenzisa le ndlela intsha, iiofisi zamasebe ezivelela umsebenzi wamaNgqina kaYehova kwiindawo ezikwanti zakuMntla, zicela abashumayeli bexesha elizeleyo (oovulindlela) ukuba baye kuhlala okungenani iinyanga ezintathu kwiindawo ezithile. Ukuba baninzi abantu abanomdla wokufunda iBhayibhile kuloo ndawo, abashumayeli banokuhlala ixesha elide baze baqhube neentlanganiso.

Ewe kona, ukushumayela kuMantla kuneengxaki zako. Kukho oovulindlela ababini ababelwe ukushumayela eBarrow, eAlaska, omnye kubo ebehlala kumzantsi weKhalifoniya ibe omnye ebehlala eGeorgia, eMerika. Kubusika bokuqala beseBarrow, banyamezela ingqele eyayiqhaqhazelisa amazinyo! Kodwa kwathi kwiinyanga nje ezimbalwa befikile, babe sele betyelele uninzi lwezindlu kweso sixeko, beqalise izifundo zeBhayibhile ezine kuquka nesinye isifundo esingumfana esigama linguJohn. Yena nesinqanda mathe sakhe bafunda incwadi ethi, Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? ibe ubalisela iitshomi zakhe nabantu asebenza nabo ngezinto azifundileyo. Ukwafunda netekisi yosuku kwincwadi ethi Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla esebenzisa iJW Library kwifowuni yakhe.

Ayikho indlela eya eRankin Inlet, eseNunavut eKhanada. Oovulindlela ababini bandiza ukuya kuloo lali incinane baza baqalisa izifundo zeBhayibhile eziliqela. Emva kokuba enye indoda ibukele ividiyo ethi, Yintoni Eyenzekayo EHolweni YoBukumkani? yabuza ukuba siza kuyakha nini iHolo yoBukumkani kwindawo yabo. Yaphinda yathi: “Ukuba ndisekhona xa niyakha, ndiza kuza kwiintlanganiso.”

Oovulindlela ababelwe eSavukoski eFinland apho kukho iibhokhwe zasendle ezininzi kunabantu bathi: “Amaqondo obushushu aphantsi ibe kukho nekhephu elininzi.” Sekunjalo, bathi bafike ngelona xesha lihle. Ngoba? Bathi: “Siye sakwazi ukushumayela ngokucokisekileyo kuyo yonke loo mimandla. Abantu balapho balungisa iindlela eziya kwezo lali kunzima ukufika kuzo. Ingqele iye yabangela ukuba abantu bachithe ixesha elininzi besemakhayeni abo.”

Imizamo yethu yokuxelela abantu ngenyaniso yeBhayibhile kwimimandla yakuMntla yenze abantu banomdla. Emva kokuba oovulindlela ababini betyelele usodolophu wenye yeedolophu zaseAlaska, wabhala umyalezo olukhuthazo kwiwebhsayithi yokuncokola ebalisa ngencoko yakhe naba vulindlela ibe wafaka nomfanekiso wephecana elithi, Yintoni UBukumkani BukaThixo?

EHaines, eAlaska apho oovulindlela ababini bamkele abantu abasibhozo kwiintlanganiso eziqhutyelwa kwilayibrari yasekuhlaleni, iphephandaba lasekuhlaleni lithe amadoda amabini aseTexas kuMntla Khalifoniya ebesesixekweni ecela ukufunda nabantu iBhayibhile emakhayeni abo. Eli phephandaba laqukumbela ngokuthi: “Ukuze ufunde okungakumbi yiya ku-jw.org.”

Funda Okungakumbi

NGOOBANI ABENZA UKUTHANDA KUKAYEHOVA NAMHLANJE?

AmaNgqina KaYehova Awulungelelanisa Njani Umsebenzi Wawo Wokushumayela?

Silandela umzekelo owamiselwa nguYesu ngoxa wayesemhlabeni. Ziziphi ezi ndlela zokushumayela?

ISIFUNDO SEBHAYIBHILE

Kutheni Ufanele Ufunde IBhayibhile?

IBhayibhile inceda abantu abaninzi emhlabeni wonke ukuba bafumane iimpendulo zemibuzo abanayo ngobomi. Ungathanda ukuba ngomnye wabo?