I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Kutheni Ufunda IsiBengali?

Kutheni Ufunda IsiBengali?

EQueens, eNew York, amaNgqina ayi-23 aye angenela iiklasi ezibafundisa indlela yokubhala nokuthetha isiBengali, ulwimi oluthethwa eBangladesh nakwezinye iindawo zaseIndia. Bangenele iklasi eyenzelwe ukufundwa kweelwimi kwixesha nje elifutshane, efundiswa kwangamanye amaNgqina.

Le klasi, yenye kweziliqela eUnited States nakumanye amazwe. Injongo yayo kukuba amaNgqina akwazi ukushumayela kubantu abathetha ezinye iilwimi.

UMagaly ofunda isiBengali uthi: “Bayanda ngoku abantu abathetha isiBengali engingqini yethu. Abantu bafuna iimpendulo kwimibuzo ebalulekileyo abanayo, efana nethi, Kutheni sisokola kangaka nje? Xa ndixelela abantu ngezithembiso zikaThixo ezimangalisayo, bafuna ukwazi okungakumbi. Kodwa inzima loo nto xa singavani.”

Ukuze abafundi bafunde ngokukhawuleza, kusetyenziswa iindlela ezilula nezenza umdla zokufundisa. Enye indlela kukusebenzisa izimbo zomzimba ukuze loo nto ibifundwa ikhumbuleke lula.

Xa kuphuma klasi nganye, abafundi baye bandwendwele abantu abathetha isiBengali, basebenzise oko bakufundileyo ukuze babashumayeze. UMagaly uthi: “Bayayivuyela kakhulu le nto, bade bandibuze ukuba kutheni ndifunda ulwimi lwabo nje. Bayayibona indlela esibaluleke ngayo isigidimi sethu kuba ndichitha ixesha ndifunda ulwimi lwabo.”

AmaNgqina kaYehova awaneli nje kukufunda iilwimi zamanye amazwe kodwa afumana noqeqesho lokuba akwazi ukufundisa ezinye iilwimi. EUnited States nje kuphela, phakathi kukaJanuwari 2006 noka-2012, kuye kwakho iiklasi eziyi-38 eziye zaqeqesha amaNgqina ayi-2 244 ukuba akwazi ukufundisa ezinye iilwimi. Ukuqala ngoSeptemba 1, 2012, amaNgqina kaYehova aseUnited States aye aqhuba iiklasi ezingaphezu kwe-1 500 nezifundise iilwimi eziyi-37.