I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Umsebenzi Wokuprinta Owenziwa Ehlabathini—Unceda Abantu Bafunde NgoThixo

Umsebenzi Wokuprinta Owenziwa Ehlabathini—Unceda Abantu Bafunde NgoThixo

Iincwadi ezipapashwa ngamaNgqina kaYehova zifundwa ehlabathini lonke. Abantu abaninzi bafunda uncwadi lwethu kwi-intanethi njengokuba nawe usenza ngoku. Ungothuka wakuva ubungakanani bomsebenzi wokuprinta esiwenzayo. Ukuza kuthi ga ngo-2013 sipapashe iincwadi ezithetha ngeBhayibhile ngeelwimi ezimalunga neziyi-700 saza sazisasaza kumazwe ayi-239.

Ngaphambi konyaka ka-1920, umsebenzi wokuprinta iincwadi zethu wawusenziwa zezinye iinkampani. Ngaloo nyaka, saqalisa ukuziprintela ezinye zeemagazini neencwadana kwesinye isakhiwo esincinane esasisiqeshe eBrooklyn, eNew York. Sithethanje sinezakhiwo zokuprinta eziyi-15, eAfrika, eAsia, kuMntla Merika, kuMzantsi Merika, eOstreliya naseYurophu.

Eyona Ncwadi Yethu Ibalulekileyo

Eyona ncwadi ibalulekileyo esiyiprintayo yiBhayibhile. Ngo-1942, iBhayibhile yokuqala epheleleyo esaqalisa ukuyiprinta yiKing James Version yesiNgesi. Ukususela ngo-1961, amaNgqina kaYehova aguqulela aza apapasha iNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele. Ngo-2013 besisele siprinte iikopi ezingaphezu kwe-184 miliyoni zale Bhayibhile ngeelwimi eziyi-121.

Kukho nezinye iinkalo esimele sizazi ngale Bhayibhile. IiBhayibhile esizenzayo zomelele. Zenziwe ngephepha elingenayo iasidi edla ngokwenza amaphepha ajike abe tyheli, ibe zidityaniswe kakuhle. Ngenxa yoko, abantu bafumana iBhayibhile ehlala ixesh’ elide.

Ezinye Iincwadi

Siprinta nezinye iincwadi ezicacisa iBhayibhile. Khawubone le nkcazelo ka-2013:

  • IMboniselo, eyona magazini siyisebenzisayo, iprintwa ngeelwimi ezingaphezu kweziyi-210 ibe inkqenkqeza phambili kwiincwadi ezisasazwayo ehlabathini lonke. Kuprintwa iikopi eziyi-45 000 000 zale magazini inamaphepha ayi-16.

  • UVukani! imagazini ehamba neMboniseloekwindawo yesibini ukusasazwa xa ithelekiswa neMboniselo—ifumaneka ngeelwimi eziyi-99. Kuprintwa iikopi ezimalunga neziyi-44 000 000 zayo.

  • Incwadi enamaphepha ayi-224 ethi, Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? yenzelwe ukufundisa iBhayibhile. Ukususela ngo-2005 kuye kwaprintwa iikopi ezingaphezu kwe-214 miliyoni zale ncwadi ngeelwimi ezingaphezu kweziyi-240.

  • Incwadana enamaphepha ayi-32 ethi, Listen to God yenzelwe ukunceda abo bangakwaziyo ukufunda kakuhle. Ithetha ngeenyaniso zeBhayibhile ize izifundise ngemifanekiso emihle neengcaciso ezimfutshane. Kuye kwaprintwa iikopi ezingaphezu kweziyi-42 miliyoni ngeelwimi ezingaphezu kweziyi-400.

Ukongezelela kwezi ncwadi, amaNgqina kaYehova aprinta nezinye iincwadi, iincwadana namaphecana anceda abantu bakwazi ukuphanda ngemibuzo yeBhayibhile, bazi iindlela zokumelana neengxaki zobomi nokuba neentsapho ezonwabileyo. Ngo-2012 izakhiwo aprintela kuzo amaNgqina kaYehova zenza iimagazini ezingaphezu kwe-1,3 bhiliyoni, iiBhayibhile neencwadi ezingaphezu kwe-80 miliyoni.

Ngo-2012 izakhiwo aprintela kuzo amaNgqina kaYehova zenza iimagazini ezingaphezu kwe-1,3 bhiliyoni, iiBhayibhile neencwadi ezingaphezu kwe-80 miliyoni

Iindwendwe eziye zityelele izakhiwo esiprintela kuzo, zisoloko zibamb’ ongezantsi xa zibona abasebénzi abakhutheleyo besenza ezi ncwadi. Bonke aba basebénzi banikela ngexesha nangamandla abo. Xa befika eBheteli, igama elithetha ukuthi, “Indlu kaThixo,” uninzi lwabo alunamava kumsebenzi wokuprinta. Kodwa ke, aba basebénzi bancedwa kukufumana uqeqesho ngoxa besemsebenzini, ibe umsebenzi abawenzayo uyakuvumela oko. Ngokomzekelo, kuqhelekile ukubona amatyendyana aneminyaka emalunga neyi-20 esebenza kumatshini onokuprinta iimagazini ezinamaphepha ayi-16, eziyi-200 000 ngeyure.

Ivela Phi Imali Yokwenza Oku?

Ehlabathini lonke umsebenzi wamaNgqina kaYehova uxhaswa yiminikelo yokuzithandela. IZion’s Watch Tower ka-Agasti 1879 yathi: “Sikholelwa kwelokuba ‘iZion’s Watch Tower,’ ngoku ebizwa ngokuba yiMboniselo ixhaswa nguYEHOVA, yaye ukuba uqhubeka eyixhasa ayisayi kungqiba ingasayi kwenza nkongozelo ebantwini ukuba bayixhase.” Sisatsho nanamhlanje.

Kutheni sichitha ixesha, imali kunye namandla angaka kulo msebenzi? Umnqweno wethu ngowokuba usondele kuThixo, enoba iBhayibhile neencwadi uzifunda ziprintiwe okanye kwi-intanethi.

Funda Okungakumbi

IMboniselo—Alikho Elinye Iphephancwadi Elifikayo Kweli

Sipapasha size sisasaze IMboniselo ngeelwimi ezingaphezu kwe-190 ehlabathini lonke. Kuthekani ngezinye iimpapasho?

Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?

Esi sixhobo sokufunda iBhayibhile senziwe ngohlobo lokuba sikuncede ufunde ngoko kuthethwa yiBhayibhile kwimixholo eyahlukahlukeneyo, kuquka othi isizathu sokuba sibandezeleke, oko kwenzekayo kuthi xa sisifa, indlela esinokulufumana ngayo ulonwabo ebomini njalo njalo.

Iimpapasho Ezifumanekayo

Bona izinto ezisandula ukufakwa.