I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Ilayibrari Efumaneka Lula

Ilayibrari Efumaneka Lula

Ngo-Oktobha 7, 2013, amaNgqina kaYehova akhulula inkqubo yokuphanda esebenza kwifowuni enceda ekufundeni iBhayibhile nakufundisiso ebizwa ngokuba yi-JW Library. Le layibrari ineenguqulelo zeBhayibhile ezintandathu, eziquka iKing James Version neNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele ehlaziyiweyo ka-2013. *

Kwakutheni Ukuze Yenziwe?

Abantu abaninzi basebenzisa iifowuni, iitablet nezinye izixhobo ezifana nezo emsebenzini naxa benxibelelana. Ekubeni abantu benokufunda iBhayibhile okanye bafundisise ku-jw.org, bekutheni ukuze yenziwe?

Okokuqala, le layibrari ayifuni ube uneintanethi. Okwesibini, yenziwe ngohlobo lokuba ikwazi ukukunceda uzifumane lula izibhalo uze uyicokise ukuyifunda iBhayibhile. Yenzeka njani loo nto?

I-JW Library Inceda Ekufundeni IBhayibhile

Xa uqala ukuyivula, ubona amagama eencwadi zeBhayibhile. Emva kokuba ucofe incwadi ethile yeBhayibhile kuvela izahluko zayo. Loo nto yenza kube lula ukubona indinyana oyifunayo. Le layibrari inezinye izinto onokuzisebenzisa kufundisiso lweBhayibhile:

  • Inemibhalo esemazantsi ecacisa amagama nemvelaphi yawo

  • Ineembekiselo zeendinyana zeBhayibhile

  • Ungakhangela igama elinye okanye amagama aliqela eBhayibhileni

  • Inenkcazelo ngencwadi nganye yeBhayibhile

  • Inendawo ethetha ngombhali ngamnye weBhayibhile, indawo awayibhalela kuyo loo ncwadi, ixesha eyabhalwa ngalo nokuba yathatha ixesha elingakanani ukubhalwa

  • Ikwanalo necandelo elineemaphu, izicangca, iziganeko eziseBhayibhileni nexesha ezenzeke ngalo nemifanekiso

Njengazo zonke iimpapasho zamaNgqina kaYehova, i-JW Library ifumaneka simahla. Le layibrari exhaswa ngeminikelo yokuzithandela, sele idawunlowudwe ngabantu abaninzi. (2 Korinte 9:7) Khawukhe uyisebenzise uze ubone indlela eluncedo ngayo.

^ isiqe. 2 NgoJanuwari 2014, le layibrari yahlaziywa. Ngoku kufakwe nokuhlolisisa iZibhalo imihla ngemihla neculo lamaNgqina kaYehova.

Funda Okungakumbi

Kutheni Ufanele Ufunde IBhayibhile?

IBhayibhile inceda abantu abaninzi emhlabeni wonke ukuba bafumane iimpendulo zemibuzo abanayo ngobomi. Ungathanda ukuba ngomnye wabo?