Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IMboniselo—Alikho Elinye Iphephancwadi Elifikayo Kweli

IMboniselo—Alikho Elinye Iphephancwadi Elifikayo Kweli

IMboniselo isasazwe ngaphezu kwalo naliphi na elinye iphephancwadi emhlabeni. Kuprintwa iiMboniselo ezingaphezu kwezigidi ezingama-42. Kulandela uVukani! ngeekopi ezizizigidi ezingama-41. Omabini la maphephancwadi apapashwa ngamaNgqina kaYehova kwaye athunyelwa kumazwe angama-236.

Kuthekani ngamanye amaphephancwadi? Ngokutsho kweThe Association of Magazine Media, elona phephancwadi lithengwayo laseUnited States elipapashwe yiAARP, intlangano ebhalela abantu abangaphezu kweminyaka engama-50. Le ntlangano iprinta iikopi ezizigidi ezingama-22,4. IADAC Motorwelt yaseJamani engowona mbutho mkhulu weemoto, iprinta iikopi ezimalunga nezigidi ezili-14, ize iGushi Hui yaseTshayina iprinte iikopi ezizizigidi ezisisi-5,4.

Kumaphepha-ndaba, iYomiuri Shimbun yaseJapan inkqenkqeza phambili. Iprinta iikopi ezingaphaya kwezigidi ezili-10.

Indlela iincwadi zamaNgqina eziguqulelwe ngayo iphum’ izandla. IMboniselo iguqulelwa ngeelwimi ezingaphezu kwe-190 aze yena uVukani aguqulelwe ngezingama-80. Xa sithelekisa, iReader’s Digest ipapashwa ngeelwimi ezingama-21 nangona inkcazelo ekuyo ingafani kumazwe amaninzi.

Ngokungafaniyo nezinye iimpapasho ezichazwe apha, IMboniselo noVukani! zixhaswa ngemali ephuma kumavolontiya, azibhengezwa, kwaye akukho maxabiso abhalwe kuzo.

Injongo yeMboniselo kukucacisa iimfundiso zeBhayibhile—ngokukodwa into ethethwa ziZibhalo ngoBukumkani bukaThixo. Ibipapashwa ngokuqhubekayo ukususela ngo-1879. UVukani uthetha ngezinto ezifana nendalo nenzululwazi ukuze ancede abantu bamthembe uMdali. Ibonisa nendlela esinokuyisebenzisa ngayo iBhayibhile ebomini.

Funda Okungakumbi

NGOOBANI ABENZA UKUTHANDA KUKAYEHOVA NAMHLANJE?

Uncwadi Lwethu Lubhalwa Luze Luguqulelwe Njani?

Sivelisa uncwadi ngeelwimi ezingaphezu kwama-600. Kutheni sizibhokoxa kangaka nje?